Inkxalabo ngokuchithwa kweqela elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko

Inkxalabo ngokuchithwa kweqela elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko.

Umbutho woMkhonto weSizwe (MKP) uchaze isigqibo sikaMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu sokuchitha igqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko njengokungakhathali.

Lo mbutho uthi ukubulawa kwabantu bezopolitiko kuseyingxaki enkulu eMzantsi Afrika ingakumbi kumaphondo afana neKwazulu-Natal.

I’MKP yongeze ngelithi ikhe yaba lixhoba loku kubulawa kutsha nje.

UMchunu kwiveki ephelileyo ukhuphe umyalelo kuMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uLieutenant General Fannie Masemola ukuba alichithe igqiza elijongene nokubulawa kwabantu kwezopolitiko.

Uthe ngokokubona kwakhe kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, ubukho beli qela akusafuneki kwaye akulongezi ixabiso kubupolisa kweli lizwe.

IKomishoni yeMoerane, eyasekwa ngonyaka ka2016, iphande ngonobangela wokubulawa kwabantu bezopolitiko KwaZulu-Natal yaze yenza izindululo ezibanzi zokushukuxa ubundlobongela bezopolitiko kweli phondo.

Emva kwezi ndululo, eli gqiza liye lasekwa ngonyaka ka2019 elinezindululo ezingundoqo ezithi kukho imfuneko yokuba kunqandwe, kuphandwe kuze kusonjululwe amatyala angasonjululwanga okubulawa kwabantu bezopolitiko kweli lizwe, ingakumbi eKZN, nebizwe ngokuba ngunozala wokubulawa kwabantu.

Isithethi seMKP uNhlamulo Ndhlela uthe ukuchithwa kweqela elikhethekileyo kujongela phantsi inkqubela-phambili ekulweni lo ‘mcimbi ugqubayo.’

Ukwathe ingxelo yeKomishoni yeMoerane iqaqambise ubume benkqubo yokubulawa kwabantu bezopolitiko KwaZulu-Natal, esithi uninzi lokubulalana lusukela kumadabi ezopolitiko angaphakathi, ukukhuphisana ngezibonelelo kunye nokufumana iikontraki zikarhulumente.

UNdhlela uthe iingxelo zibonakalisa ukuba eli qela lenze imitsi ebonakalayo kule minyaka idlulileyo.

“Umzekelo, phakathi kuka2018 kunye no2022, ibambe ngempumelelo abarhanelwa abanxulumene nokubulawa kwabantu bezopolitiko abangaphezu kwama40, okwakhokelela ekugwetyweni kumatyala amaninzi. Ukuchithwa kweqela kuyawucima lo mfutho kwaye kubeke emngciphekweni uphando oluqhubekayo,” utshilo.

Wongeze ngelithi ukuchithwa kweli qela kukwabeka emngciphekweni ubulungisa kumaxhoba kunye neentsapho zawo njengoko kukho amatyala ayi120 ezopolitiko angasonjululwanga okubulala kwaye uninzi lwawo lufuna ugxininiso olulodwa olunikezelwa leli qela.

UNdhlela uthe amazwe anobundlobongela bezopolitiko, afana neColombia kunye nePhilippines, abonise ukuba amaqela akhethekileyo abaluleke kakhulu ekujonganeni nolwaphulomthetho oluphenjelelwa zezopolitiko.

“Umbutho weMK Party awujongi esi sigqibo njengesigqibo esingakhathaliyo kuphela kodwa sikwasisoyikiso esithe ngqo kwidemokhrasi yaseMzantsi Afrika. ICandelo le198 loMgaqo-siseko ligxininisa imfuneko yeenkonzo zokhuseleko ukukhusela abantu baseMzantsi Afrika kunye nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo. Ukuphelisa eli qela kukwaphula loo myalelo kwaye kubanika isibindi abaphembeleli bodushe bezopolitiko.”

“Umbutho weMK Party uza kuwuphakamisa ngoko nangoko lo mba kwiKomiti yeMicimbi yeSebe lezaMapolisa. Siza kufuna inkcazo epheleleyo yengqiqo yesi sigqibo kwaye sibonise ubungqina bendima ebalulekileyo yeli qela. Ngaphaya koko, siza kutyhala ukuba kubuyiswe kwaye kwandiswe eli qela ukuze lijongane nokusilela kwamatyala angekasonjululwa,” utshilo uNdhlela.

Xa ecelwa ukuba achaze ngakumbi ngesi sigqibo, isithethi sikaMchunu uKamogelo Mogotsi uthe iofisi yoMphathiswa ayizuphawula ngalo mba.

Noxa kunjalo, iLungu lePalamente leRise Mzansi uMakashule Gana uthe uluvo lombutho malunga namaqela angaphakathi kwiSAPS kukuba alixeshana ukuqubisana nomba wolwaphulomthetho, watsho esithi xa sele ugqityiwe lo msebenzi, kufuneka ichithwe igqiza, amalungu eqela asiwe kwezinye iindawo ukuze ajongane namanye amatyala olwaphulomthetho angxamisekileyo.

UGana wongeze ngelithi iimpawu zibonisa ukuba iqela lenze umsebenzi walo kwaye okuseleyo kuza kuhoywa ngamapolisa jikelele kunye nabacuphi.

Uluvo lwakhe luphinde lwagxininiswa ngumhlalutyi wezopolitiko uLevy Ndou esithi esi sisigqibo esifanelekileyo nanjengoko zingasekho iziganeko zokubulawa kwabantu bezopolitiko.

“Elo gqiza lenziwe ngenxa yokuba kwakukho abantu bezopolitiko ababulawayo kwaye ngoku asinabo abantu bezopolitiko ababulawayo kwaye akukho mfuneko yeqela elinjalo. Athe xa amapolisa esenza uhlolo afumanisa ukuba awasenazo iziganeko zokubulalana ezinento yokwenza nezopolitiko kwaye athatha isigqibo sokulichitha iqela,” utshilo uNdou.

Ingcaphephe yolwaphulomthetho ezimeleyo kunye nomhloli wobundlobongela uMary de Haas ukholelwa ukuba uMchunu ebengenakufikelele kwesi sigqibo ngaphandle kokwenza uphando lwakhe.

UDe Haas uthe uMchunu, ngokungafaniyo nabaPhathiswa bangaphambili, ukwalandela iinkqubo ezifanelekileyo xa ecela ingxelo kuMkomishinala kaZwelonke kwaye ebesebenza ngokwemithetho nemigaqo-nkqubo.

UDe Haas kweyeDwarha wabhalela uMchunu ukuba alichithe igqiza elichongiweyo aze aseke iqumrhu elijongene nenkundla.

Uthe iqela liyinkcitho enkulu yabasebenzi kunye nezibonelelo zemali.

UDe Haas uthe uMchunu kufuneka abeke phambili ukusekwa kwequmrhu elijongene nenkundla eliza kuphanda ngamadokethi athatyathwe liqela kuba zininzi ezinye iinkcukacha malunga nokungaziphathi kakuhle kweqela.

“Kukho ulwazi oluninzi oluthe chatha malunga nezenzo ezikrokrelekayo kunye nezolwaphulomthetho zeli qela, ngoko ke isigunyaziso sequmrhu elinjalo sifanele sivumele ngokukodwa abanye abanolwazi olufanelekileyo, kubandakanywa nayo yonke imibandela eliye layiphatha, ukuba banike ulwazi kulo bucala ukuze bancedise uphando,” utshilo.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.