Inkxaso kusapho lwedindala leSelfie yembubhiso

Igosa lezoluleko nebanjwa besemathandweni, phambi kokuba lizibulale

Isebe leenkonzo zoluleko lidize ukuba usapho lwegosa (idindala) eliyinkosikazi leli sebe elithe lanomfanekiso ongundaba-mlonyeni kumaqonga onxibelelwano, lifumana uthuthuzelo ngokomphefumlo emva kokuzibulala kulandela ukunwenwa komfanekiso walo lisemathandweni nebanjwa.

Eli gosa, kwijele iLosperfontein eBrits eMntla-Ntshona, libonwe kuFacebook nakuTwitter lisemathandweni kunye nebanjwa. Imifanekiso edontse amehlo abantu mithathu, omnye eli gosa lincumile lithe gabhu esifubeni kweli banjwa.

Komnye umfanekiso, eli gosa libonakala lincamisa nzulu eli banjwa kwinto enophawu lokuba bayathandana logama komnye umfanekiso bebonakala begonene-buncuma.

Iingxelo zithi eli gosa belithandana neli banjwa. Into engacaciyo yeyokuba imifanekiso yabo iye njani kuTwitter nakuFacebook. Iingxelo zithi eli gosa libonwe lizixhomile kwindlu ehlala abasebenzi bale jele kwalapha eLosperfontein.

Isebe leenkonzo zoluleko lidlulise amazwi ovelwano kusapho leli gosa, latsho likwabhengeza ukuba eli banjwa lidluliselwe kwelinye iziko ukuze kuqhutywe nophando.

Eli gosa libhubhile, nebekungekacaci igama lalo, kuthwa litshatile futhi linabantwana.