Inkxaso kwabenza imisebenzi yezandla

Bangaphaya kwamashumi asibhozo oosomashishini abenza imisebenzi yezandla abafumene inyhweba yokufaka iimpahla zabo abazenzayo kwivenkile entsha elungiselwe bona.

Le venkile, ebizwa ukuba yiEastern Cape Crafters Collection, ivulwe ngokusesikweni ngusekela mphathiswa wamashishini asakhasayo kuzwelonke uElizabeth Thabethe eNahoon eMonti ngokuncedisana nequmrhu lophuhliso laseMpuma Koloni (ECDC).

Abasomashishini benza izinto ezohlukeneyo ezifana nokuthunga impahla zefashoni, ezesiNtu, izingxobo, ukuhlohlwa kweentsimbi, kwanabo benza izitya ezophukayo kwanezitulo ezihonjisiweyo.

Ngokokutsho kukaBusi Nodada ongumlawuli kule venkile, iimpahla ezizakuthathwa zezosomashishini ezikumgangatho ophezulu. Kulindeleke ukuba linyuke inani laba somashishini bazakubonisa ngezinto zabo. Nangona nje umntu ezakusebenzela kwindawo ebekade esebenzela kuyo ngaphambili, kule venkile kuza ezo sele zigqityiwe sezilungele ukuthengiswa.

“Kweli nani lilindelekileyo kwanakwezi sele zingaphakathi iimpahla sijonga ezikumgangatho ophezulu kuba sifuna ithembeke le ndawo abantu bayazi ukuba kule venkile bafumana iimpahla esemgangathweni kwaye ezisexabisweni izinto. Sifuna kungabikho mntu uzakuzisola xa ebethengile. Sihambe sityelela ogxa bethu kweli phondo lonke sijonga ezo zifanele ukuba zithengiselwe uluntu,” utshilo uNodada.

UNodada woleke ngelithi, bayakuvuyela ukuvulwa kwale venkile emva kobunzima ebebedibana nabo ngaphambi kokuba ivulwe.

Kulindeleke ukuba ingqokelela yale mpahla ibekuboniso kumnyhadala obanjwa rhoqo kule yeNkanga iBerlin November.

Okwicandelo lezoshishino ojongene nokucebisa uluntu kwaECDC, uYandiswa Sodada uthi, babone ukuba mabangenelele ukuncedisana neli candelo babenzele indawo engcono eyeyabo ebonisa gabalala ngezinto zabo.

“Ngongenelelo lethu siqaphele ubunzima abajongana nabo umhla nezolo owokuba besebenzela ezindlini zabo. Owona mceli mngeni mkhulu bebejongene nawo kukuba bezingakwazi ukubonwa ncam izinto zabo kuba zisezindlini bengenandawo banayo.

Abanye bathengiselela phandle ezikoneneni kwa ezo mpahla zibethwe Luthuli zitshiswe nangamalanga ziphele sele zingekho mgangathweni.”utshilo uSodada.

Ukanti nabe arhente yezokhenketho ephondweni uTourisim Parks uNopasika Mxunyelwa uthi, oku kuzakuba lithuba kuba nabakhenkethi abatyelele kweli phondo bazakubanayo indawo esisigxina yokuthenga nokubuka izinto ezenziwe ngabantu bephondo ngezandla, kwaye konyuse noqoqsho lwalo mmandla.

UThabethe uthe, oku kwakuthi kudale namathuba engqesho kukhule noqoqsho le ndawo.