Inkxaso kwiziko labadala

Iziko lamaxhegwazana athunga izinto zezandla ekwadlala nebhola ekhatywayo iGogo Novoti Elderly Centre eNgangelizwe eMthatha lizibone lixhamla kwisixa-mali esiyiR48 000 enikezelwe lisebe lophuhliso lwentlalo yoluntu eMpuma Koloni ngoLwesine weveki ephelileyo.

Eli ziko elinamaxhegwazana angamashumi amathathu anesihlanu lasungulwa kwiminyaka eliqela edlulileyo ngeenjongo zokugcina la maxhegwazana exakekile edlala yonke imihla ethunga neempahla zokuthengisa.

Okona kwenza eli ziko liqaqambe nangakumbi kukuba awamkelwa njengelungu xa ungaphantsi kwamashumi amathandathu ngeminyaka.

Umphathiswa weli sebe lophuhliso lwentlalo ephondweni uNancy Sihlwayi uthi ukunikezela ngale mali kweli ziko yindlela yokubhiyozela usuku lokuzalwa kukagqirha Nelson Mandela nokwakha amakhaya angawo kugxothwa iimeko zokuhlala ezimbi.

USihlwayi uthe: “Sinengxaki yokuhlaselwa kwabantu abadala babulawe, lo nto ibonakalisa ukungabikho kobuntu. Sikhuthaza abantu bathathe uxanduva ngempilo yabo lo gama sisithi makujonganwe neengxaki ezichaphazela abantu bale wadi yesibini kumasipala weKing Sabata Dalindyebo.”

Ukwathi abakwazi kuhlala phantsi belisebe babukele iNgangelizwe idlakazwa ziziyobisi nolwaphulo mthetho.

Usodolophu waseKSD uNonkoliso Ngqongwa uthi olu ncedo kubantu bale ngingqi kukuzalisekiswa kwesithembiso sorhulumente okhathalayo kuphindwe kujongwe imiceli mngeni ekule ndawo yaselokshini.

Inkondekazi uZodidi Gabula uthi ukufumana le mali kuzonceda bakhwebe namanye amaxhegwazana azozigcina exakekile kweli ziko.

“Ukuzigcina sisebenza sidlala nebhola kunceda ukwehlisa iswekile, nezinye izigulo kubantu abadala.Siyavuya kakhulu ukuxhamla kule mali sizokwazi nokupheka siphinde sizakhele ikhaya lethu lokusebenza,” kutsho uGogo Gabula.

USihlwayi ukwatyelele amakhaya akhokhekwa ngabantwana kwilokishi iNgangelizwe eyojonga imeko abaphila phantsi kwayo.