Inkxwaleko enje yonke ifuna umthandazo…..

Ukufa kusoloko kusiza nentlungu ekhatshwa ludandatheko ingakumbi xa bekungalindelekanga.

Kuthe kanye xa uluntu loMzantsi Afrika uphela ingakumbi isizwe samaXhosa lunyembezana kukushiywa kwalo nguKumkani Mpendulo Sigcawu, Aah Zwelonke!, kwavela iindaba ezikhathaza ngakumbi zokubhubha kwabakhwetha ehlathini kwakunye nokuhlaselwa ngokungamasikizi kwegqirha ngumkhwetha walo.

Ngethuba sisiya kushicilelo inani labakhwetha abaswelekileyo ibisisixhenxe kuquka nekhankatha elinye elonzakaliswe ngumlilo. Ukanti ishumi elinesithathu labakhwetha eMbizana libalekiselwe kwindawo elifumana uncedo nonakekelo kuyo emva kokuquleka.

Ezi zehlo zikhokelele ekubeni iNdlu yeeNkosi zeMveli ihlabe ikhwelo, phofu ingaqali.

UNkosi Mwelo Nonkonyana ugxininise kwelokuba makwenziwe okuthile ngokukhawuleza ukunqanda ukwanda kokubhubha kwabakhwetha, watsho esithi namapolisa kumele angenelele xa kufumaniseka ukungakhathali kwiingcibi namakhankatha.

NgokoMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, uXolile Nqatha, uthi baza kuqwalasela iindlela iingcibi namakhankatha eziphatha ngawo amakhwenkwe. Kumaxa angaphambili kwafunyaniswa ukuba ukoluswa kwamakhwenkwe angaphantsi kweminyaka esemthethweni, ukusetyenziswa kweengcibi namakhankatha angekho mthethweni, ukuvinjwa kwabakhwetha amanzi nokuphathwa gadalala okuhamba nokubethwa kuye kukhokelele ekutshabeni kwabo.

Iingcibi ezisebenza ngaphandle kwemvume ziya kohlwaywa qatha zide ziphoswe nasejele. Ukuba kwindawo okuyo nichatshazelwa yimicimbi yolwaluko, ncedani niqhagamshelane neofisi eqwalasela le miba ngokufowunela kwa: 040 608 7404 okanye 082 302 7760.

Iintsapho ezibhujelwe ngabakhwetha ayizizo kuphela ezililayo. AbakwaHoyana bantliziyo zidada egazini emva kokuba unyana wabo uAnele, ethe wabulawa kabuhlungu ngumntu ebemthatha ngokuba sisihlobo sakhe, uFrik ‘Majeke’ Jourbet obengumfama ekwalithwasa eliphantsi koAnele kwaye sele kuyiminyaka besazana.

Isehlo soMgqibelo odlulileyo nalapho uJoubert efotwe ngevidiyo engcungcuthekisa uAnele phambi kosapho lwakhe, sishiya amathe akrakrayo emqaleni.

Uninzi lwabantu abantsundu ababukele le vidiyo kwi-intanethi bathi uJourbert uphenjelelwe yintiyo yobuhlanga ukanti igcuntswana lwezihlobo zakhe zithi hayi, uJourbet ubephazamiseke engqondweni.

Enxibe isikipa saMaBhokobhoko, ethetha ngesiZulu, isiXhosa nesiNgesi, uvakala ngokuphandle ekhwaza igama elayamanisa uAnele nobuSathana logama yena ezibiza ngokuba “ungochongiweyo”.

Ukuba uJourbet ubangwe yintoni ukuba enze oku asisayi kube sazi, naye ufele apho emva kokudutyulwa ngamapolisa.