Inoloyiko lokuvaleka amehlo inkosikazi eyatyhaphaka mhla yatyandwa

UNtombekhaya Dyaka onengxaki yamehlo, nodinga uncedo leengcali kule ngxaki. Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Iphethwe luvalo lokuvaleka amehlo inkosikazi
engumhlali waseNdlovini ePort Alfred, kwaye idinga uncedo lokubona oogqirha abazingcali zamehlo.

UNtombekhaya Dyaka eminyaka engamashumi amahlanu ubudala
uvakalise ukuba ingxaki yakhe yamehlo yande ngethuba esenziwa utyando kwilihlo
lasekunene.

Lo kaDyaka uqale ukukhathazwa ngamehlo ngonyaka
ka2004 emva kokuba ilihlo lasekunenene lithe alabona kakuhle. Emva koko waya
kwisibhedlele saseBhayi, nalapho wathi wenziwa utyando.

Uthi lelo tyando elakhokelela ekubeni lingaboni
kwaphela eli mehlo. 
“Anditsho ukuba ndisola oogqirha kodwa
umnqweno wam kukufumana uncedo kuba kubuhlungu ukuvele uzifumanise sele
ungaboni kuba ubaluxanduva ebantwini.”

Kungoku nje unoloyiko lokuba
nelasekhohlo lichaphazelekile kuba nalo aliboni kakuhle kwaye udinga uncedo
ukwenza ezinye izinto okanye xa kukho apho afuna ukuya khona. 

Uthi seqlaisile
ukuxhomekeka kwabanye abantu ukumbonisa indlela. “Lonke ixesha
bendizenzela izinto ndingafuni ncedo mntwini kodwa ukungaboni kwam
kuyitshintshile impilo yam,” utsho uDyaka.

Ukwavakalise ukuba kwiikliniki nezibhedlele athe
waya kuzo akukho gqirha bamxeleleyo unobangela wokuvaleka kwamehlo akhe.

Watsho esithi ukungawazi unobangela wengxaki
yamehlo akhe sesinye sezizathu ezenza ukuba afune uncedo ngethemba lokuba
uzakwazi ukuba konakele phi njengokuba sele ezibona evakaleka amehlo.

UVenus Vinjiwe omnika uncedo xa esiya kwindawo
ezikude uthe, “Ndimazi esazihambela nje engafuni ncedo kwaye ungumntu
olungileyo.”

Watsho esithi xa kukhona indawo ekufuneka eye kuyo uDyaka
kuyanyanzeleka ukuba ayeke zonke izinto ebezenza ukunceda yena.

Lo kaDyaka unabantwana ababini naveze ukuba bayamxhasa kakhulu, ekwahlala nomyeni wakhe nalapho athe
uyayibulela inkxaso yakhe, nangona esazi ukuba akukho lula kuye
ukuzibona sele enonkosikazi ongaboniyo.