Inqununu eqhwaba abafundi

IINKCUKACHA ngendlela inqununu eyinkosikazi yaseMasixole High eMdantsane, uThibeka Sotyifa, ebaphethe gadalala ngayo abafundi besi sikolo, ebaqhwaba ngempama akuba nomsindo, zivusa umnyele kubafundi abachaphazelekileyo befunga ngelithi bakuziphindezela ngeny’ imini.

Babalelwa kwisithathu abafundi abaqhwatywe ngempama nguSotyifa eMasixole kulo nyaka. Aba bafundi baxelele iphephandaba I’solezwe ukuba ibaphatha kakubi le nto, kuba ibangela ukuba babeyintlekisa esikolweni.

Oku kwenzeka nangona nje isibhambathiso sebhunga labafundisi-ntsapho loMzantsi Afrika (South African Council for Educators [SACE]), sidiza ukuba utitshala akavumelekanga ukubetha okanye ukuphatha gadalala ngokwasemoyeni umfundi. Esi sibhambathiso sigunyazisa utitshala ukuba aqinisekise ngokhuseleko lomfundi.

Kodwa iinkcukacha ezithiwe thaca kwiphephandaba I’solezwe, zikhombisa ukuba uSotyifa usityeshele esi sibhambathiso.

Umfundi owenza uGrade 9 eMasixole, uthi waqhwatywa ngempama nguSotyifa, ofundisa isiXhosa kwesi sikolo, kwashiyeka imivimbo yomsesane ebusweni bakhe. “Into awayendiqhwabela yona kukuba wayesithi akaliboni ichaphaza lika-i endandimbhalile. Emva kokundiqhwaba ndamtyhiliza, ndimbuza ukuba undibethela ntoni.

“Ndavele ndanomsindo, ndathatha iincwadi zam ndaphuma ndigoduka. Xa ebuza ukuba ndiyaphi, ndamxelela ukuba ndiyokubiza umzali wam kuba andiyazi ukuba undibethela ntoni,” kutsho lo mfundi.

Lo mfundi wathi esesendleleni egoduka, kwathi gqi le nqununu imleqa ngemoto. “Wamisa imoto, wabuza ukuba kutheni ndinomsindo. Ndamxelela ukuba ndenziwa yile nto endiqhwabela phambi kwabanye abafundi. Wathi mandikhuphe incwadi yam, ndayikhupha, emva koko wancuma esithi ndiyilungisile le nto ebengayithandi. Ndamxelela ukuba akukho nto ndiyilungisileyo mna, incwadi yam oko ibinjeya. Wathi kum ucela uxolo, wenze impazamo,” utshilo lo mfundi.

Emva kokuba uSotyifa ecele uxolo, babuyela esikolweni. “Wafika wandipha iiswiti ezimbini,” kutsho lo mfundi.

Omnye umfundi, owenza uGrade 11, uthi waqhwatywa nguSotyifa ngentseni kwigumbi lokufunda. “Sasingxola, wathi xa efikayo wathi ntla ngam, wasondela emva koko wandiqhwaba ngempama ebuza ukuba singxolelani. Wathi akundiqhwaba ndema, ndicinga ukuphindisa kodwa ndaphinda ndabona ukuba mandimyeke kuba kuza kuthwa ndibethe utitshala,” utshilo lo mfundi.

Umfundi wesithathu, owenza uGrade 9, uthi yena waqhwatywa ngempama nguSotyifa kuba engayivulanga incwadi. “Wafika eklasini wabuza ukuba kutheni incwadi ndingayivulanga, ndathi xa ndizama ukumcacisela ukuba kutheni wandinyola emva koko wandiqhwaba ngempama esithi ndiyamdelela. Yababuhlungu intliziyo yam,” utsho lo mfundi.

Inyewe kaSotyifa ibikiwe kwiSACE kwaye uphando ngakwindlela yakhe yokuziphatha luyaqhuba.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima ungqinile ukuba iyaphandwa le nqununu. UMtima uthi basalinde ingxelo kumagosa abo aphanda lo kaSotyifa.