Inqununu eqhwabayo idliwe iR15 000!

INQUNUNU eyinkosikazi yesikolo iMasixole High eMdantsane ifunyenwe inetyala lokuqhwaba ngempama abafundi, yatsho ikhutshwa kuluhlu lootitshala ze emva koko yathiwa nka ngomdliwo weshumi elinesihlanu lamawaka eerandi (R15 000).

UThibeka Sotyifa wasiwa phambi kwebhunga elilawula ootitshala eMzantsi Afrika (South African Council for Educators [SACE]) emva kwezikhalazo zokuqhwaba ngempama abafundi abaliqela eMasixole. Isigwebo sokuba makakhutshwe kuluhlu lootitshala sinqunyanyiswe iminyaka elishumi, ngokomgqaliselo wokuba akanakukwenza isehlo esifana nesi afunyenwe enetyala kuso.

La matyala aza emva kokuba kwakhalaza abafundi baseMasixole besithi baqhwatywe ngempama nguSotyifa, kwinqaku elalipapashwe liphephandaba I’solezwe kunyaka ophelileyo.

Umfundi obesenza uGrade 9 eMasixole nyakenye, uthi waqhwatywa ngempama nguSotyifa, ofundisa isiXhosa kwesi sikolo, kwashiyeka imivimbo yomsesane ebusweni bakhe.

“Into awayendiqhwabela yona kukuba wayesithi akaliboni ichaphaza lika-i endandimbhalile. Emva kokundiqhwaba ndamtyhiliza, ndimbuza ukuba undibethela ntoni.

“Ndavele ndanomsindo, ndathatha iincwadi zam ndaphuma ndigoduka. Xa ebuza ukuba ndiyaphi, ndamxelela ukuba ndiyokubiza umzali wam kuba andiyazi ukuba undibethela ntoni.

Lo mfundi wathi esesendleleni egoduka, kwathi gqi le nqununu imleqa ngemoto. “Wamisa imoto, wabuza ukuba kutheni ndinomsindo. Ndamxelela ukuba ndenziwa yile nto endiqhwabela phambi kwabanye abafundi. Wathi mandikhuphe incwadi yam, ndayikhupha, emva koko wancuma esithi ndiyilungisile le nto ebengayithandi. Ndamxelela ukuba akukho nto ndiyilungisileyo mna, incwadi yam oko ibinjeya. Wathi kum ucela uxolo, wenze impazamo,” utsho lo mfundi.

Emva kokuba uSotyifa ecele uxolo, babuyela esikolweni. “Wafika wandipha iiswiti ezimbini,” kutsho lo mfundi.

Omnye umfundi, uthi waqhwatywa nguSotyifa ngentseni kwigumbi lokufunda.

“Sasingxola, wathi xa efikayo wathi ntla ngam, wasondela emva koko wandiqhwaba ngempama ebuza ukuba singxolelani. Wathi akundiqhwaba ndema, ndicinga ukuphindisa kodwa ndaphinda ndabona ukuba mandimyeke kuba kuza kuthwa ndibethe utitshala,” utsho lo mfundi.

UZamo Nkatshu, itshantliziyo kuphuhliso lolutsha, nguye owabika inyewe yaba bafundi kwiSACE kwaye uthi akonelisekanga yindlela osingethwe ngayo lo mcimbi.

“Okokuqala mandilibeke litsole elithi ibiyinkcitha nje yexesha lam ukusa eli tyala kumbutho weSACE. Ukuba ndandazile ukuba iSACE [iqhuba kanje] bonke abafundi abaxhatshazwa nguSotyifa nezinye iititshala ngendabacebisa ukuba mabayokuvula ityala emapoliseni kube kanye.

“Okwesibini, iSACE izibonakalise mhlophe kweli tyala ukuba ayinankathalo ngakubantwana besikolo, ingenayo nentlonipho kubazali babantwana,” utshilo uNkatshu.

“Kwisikhalazo endasifaka eSACE, ndakhankanya abafundi abafike kwisithoba abaxhatshazwayo ngabafundisintsapho baseMasixole, kodwa yona iSACE yakhetha ukukhankanya abafundi abane qha kuphando lwabo.

“Njengomntu owabhalela iSACE isikhalazo, lo mbutho uye wasilela mpela ekunxulumaneni nam ngendlela eyiyo ngamanqanaba ebe ndiwathatha ngeli tyala – ibindim ohleli nje uleqana nabo ndifuna umkhondo,” kutsho uNkatshu.

Umzali womfundi owaqhwatywa yile nqununu, naye uthi ayimonwabisanga indlela osingathwe ngawo lo mbandela.

“Akukho mntu obekhe wathetha nathi. Bendicinga ukuba yaphelela emoyeni mna la nto,” utshilo lo mzali.