Inqununu ijongene netyala lokudlwengula umfundi

Inqununu yaseBhonxa High eNtabankulu phambi kwenkundla ngoMvulo ngethuba ivelela ityala ejongene nalo lokudlwengula umfundi.
Umphathiswa wezseMfundo uFundile Gade ekwinkundla zamatyala eNtabankulu.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uthi umothulela umnqwazi uMantyi waseNtabankulu obechophele ityala lenqununu yaseBhonxa S.S.S edlwengule umfundi wayo onama21 ubudala.

UMantyi urhoxile kweli tyala emva kokuba efumanise ukuba uyazana nale nqununu nto leyo ibiza kuthi iphazamisane nengalo yomthetho.

UGade uthi isenzo esenziwe ngulo mantyi sibenza nabo bengurhulumente wephondo bakhululeke malunga neli tyala.

UGade ebeseNtabankulu ngoMvulo kule veki ezimase eli tyala. Inqununu ishiyeke ngaphakathi eziseleni nekulindeleke ukuba ivele kusasa ngomso, uLwesihlanu.

Le nqununu ,59, ibanjwe ngamapolisa ngomhla weshumi (10) kule nyanga, emva kwesankxwe esenziwe ngabafundi kwakunye nabahlali malunga nale nqununu ethe yadlwengula umfundi nebimane imdlwengulela kwiofisi yayo.

Ngokwengxelo kaBrigadiya Tembinkosi Kinana, kudala le nto isenzeka kodwa ayachazwa kwangoko de abafundi babamba uqhankqalazo.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uqhwabele izandla amapolisa athe aqinisekisa ukuba inqununu le ibanjwa ngokukhawuleza.

UGade uthi: “Ngokophando esilwenzileyo ngaphakathi siliSebe sifumanise ukuba maninzi amaxhoba avele ngaphambili, okokuba bezikhona ezinye iziganeko ngale nqununu ezikumila kunje ngaphandle kwesi ibanjelwe sona.”

UGade uthi esi sikolo sinabafundi abangaphaya kweminyaka efanele ukuba abasekho seHigh School, kodwa uthi ekugqibeleni lo udlwenguliweyo ngumfundi kwaye usengaphakathi esikolweni.

Kusenjalo, ngomso (uLwesihlanu) kuza kube kungcwatywa abafundi besikolo abathandathu baseNdamase High eNgqeleni, ababhubhe ngoko nangoko kwingozi yemoto eyenzeke kwilali iCumngce kwiveki ephelileyo.

Abanye abafundi basekwisibhedlele iNelson Mandela Academic ngelixa abanye beseMthatha Regional.