Inqununu iqeshe umafungwashe

Luyanxakama uluntu emva kokuba inqununu yaseMasixole High eMdantsane iqeshe umntwana wayo esikolweni UMFANEKISO: FACEBOOK

LUYANXAKAMA uluntu lwaseMdantsane yinqununu yaseMasixole High kwaN.U.3, uThibeka Sotyifa, emva kokuba eqeshe umafungwashe wakhe kwinkqubo yeSebe lezeMfundo yokunika ithuba abo bangaphangeliyo ukuze baqinisekise ukulandelwa kwemiqathango yentsholongwane yeKhorona ezikolweni.

Kule nkqubo, abo bangaphangeliyo banikwe ithuba lengqesho yeenyanga ezintathu ukusukela ngenyanga yeSilimela, kwaye barhola iR2 500 ngenyanga.

Isebe lezeMfundo ephondweni linike izikolo inyhweba yokuqesha abantu abangaphangeliyo ababini ukuya kwabane kwisikolo ngasinye.

EMasixole High kuqeshwe abathathu, omnye ngumafungwashe kaSotyifa logama omnye ingumntwana welinye lamalungu ebhodi elawula isikolo, iSGB ngamanye amagama.

Omnye wootitshala baseMasixole High uthi esi sigqibo senqununu, abasiboni njengento efanelekileyo.

“Ayonto siyibona intle leyo. Kwankqu neSGB ayinakubona kwanto egwenxa kwizinto azenzayo kuba omnye umntwana ozalwa lilungu leSGB, naye uqeshiwe. Bakhona abantu abebefake izicelo, abanye bade bazidina bemana ukuzobuza, kodwa nkqi ukuqeshwa.

“Baqalile ngokusesikweni aba bantu baqeshiweyo, baquka intombazana engumafungwashe wakhe kwakunye nomntwana ozalwa lilungu leSGB. Asiqondi ukuba yinto efanele ukuba iyenzeka kodwa ke ngenxa yokuba inqununu yethu ingumntu olawula ngendlela afuna ukulawula ngayo, ikwazile ukwenzeka lo nto,” utshilo lo titshala.

Omnye wabo bebefake iiCV eMasixole uthi ebenethemba lokuba uyakufumana isithuba. Uthi ayimonwabisanga indlela ekuqhutywe ngayo.

“Ndiziva ndinxunguphele ngenxa yokuba andiqondi ukuba yinto elungileyo leya yenziwe kwesa sikolo. Asikhange sixelelwe nokuba kwenzeke ntoni ngezicelo zethu zokufumana ingqesho. Ndothukile ukuva ukuba phakathi kwabaqeshiweyo kuquka nomntwana wenqununu.”

Omnye obejonge kwale ngqesho, uthi kubi ukusetyenziswa “kokwazana” kwinkqubo ebifanele ukuba ixhamlisa uluntu olungaphangeliyo.

“Ndandiyifakile iCV, ndabona kuqengqeleka iintsuku kungekho ngcaciso yokuba kuhamba njani na malunga neeCV zethu. Bendicinga ukuba iya kubakhona ingcaciso etshoyo ukuba asithathwanga kuba kutheni.

“Indikhubekisile into yokubona kuqashwa abantu abaziwayo kuba lo nto iyasixelela ukuba nokuba singazama kanjani, xa ungaziwa akukho apho uza kulungelwa khona.”

Isebe leMfundo ephondweni, ngokomlomo weSithethi sikaMphathiswa uFundile Gade, uVuyiseka Mboxela, lithi lakuphefumla ngalo mba waseMasixole xa kukho umntu okhalaze ngokusesikweni kulo.

UMboxela uthi inkqubo yokuqeshwa kwabo baza kujongana nemiqathango yeCovid-19 ezikolweni ibiluxanduva lesigqeba esilawula isikolo sisebenzisana neSGB.

I’solezwe lesiXhosa labika ngo2017 malunga nezikhalazo zabafundi, besithi uSotyifa ubasa isandla. Le nqununu yamangalelwa kwiBhunga eliLawula ooTitshala eMzantsi Afrika (SACE) emva kwezikhalazo zokuqhwaba ngempama abafundi abaliqela eMasixole.

USotyifa wafunyanwa enetyala lokuqhwaba ngempama abafundi, watsho ekhutshwa kuluhlu lootitshala ze emva koko wathiwa nka ngomdliwo weshumi elinesihlanu lamawaka eerandi.

Isigwebo sokuba makakhutshwe kuluhlu lootitshala sanqunyanyiswa iminyaka elishumi, ngokomgqaliselo wokuba akanakufunyanwa enetyala lokohluleka ukuziphatha kule minyaka ilishumi.