Siphuma phambi kwexesha isikolo samabanga aphakamileyo iSinethemba eMdantsane ukusukela kwiveki ephelileyo ngenxa yokungabikho kwamanzi.
Ukungabikho kwamanzi kwawadi 17 eMdantsane kuphazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa kwesi sikolo nangona singakhange siqhube kakuhle kunyaka ophelileyo.
Ingxelo yenqununu, Landile Tola, ithi ukusukela kwiveki ephelileyo kunyanzeleke ukuba abafundi baphindele emakhaya ngenxa yokungabikho kwamanzi kwesi sikolo.
“Amanzi awakho apha, ndinyanzeleka ukuba ndize neelitha ezingamashumi amahlanu endlini yam ukuze kuphekwe, ukuze batye abafundi, indlu yangasese siyivalile,” uthethe watsho uTola.
Uthi ootishala banyanzeleka ukuba bafundise isithuba semizuzu engamashumi amabini kuphela endaweni yeyure kuba kufuneka begodukile abafundi.
“Esi sikolo besifumene amashumi amathathu epesenti (30%) kunyaka ophelile, sifuna ukuphucula lo mgangatho kodwa xa kunje kuzakuba nzima,” utshilo.
Le ngxelo ithi ingxaki ibangelwa ngabakwaAmathola Water ngokunikisa ngamanzi anganelanga kumadama axhasa le ngingqi.
Le ngxaki ichaphazele nabahlali bakwa wadi 17 eMdantsane kuba ezindlini abanawo amanzi. Umhlali ochaphazelekayo kule meko uNozuko Thembani uthi bunzima ubomi ngenxa yokunqongophala kwamanzi.
“Sivuka ngentseni abanye bephangela siye kukha amanzi phaya ngaphesheya kuba asikwazi kuhlamba, ukupheka nokusela ngenxa yale meko,” uthethe watsho uThembani.
Uhambisa athi izindlu zabo zangasese zinyanzeleka ukuba zingasebenzi kuba akukho manzi. “Ukuya ngasese sinyanzeleka ukuba senze amacebo kuba asikwazi kungena kwindlu yangasese engenamanzi, kuselokishini apha,” uthethe watsho.
Uceba wala ndawo uPhumla Yenana uthi uyazazi iingxaki zamanzi kula ngingqi kwaye sele ethathe amanyathelo.
“Ndithumele amagosa akwamasipala ukuba aqwalasele le ngxaki ukuze kuncedwe uluntu, sele iqhubeke izihlandlo eziliqela ingxaki yamanzi kula ndawo,” ucacise watsho uceba.
Uthi ebengayazi ukuba le ngxaki sele ichaphazele nesikolo saseSinethemba.
Ukungaqhubi kakuhle kwesisikolo iSinethemba kunyaka ophelileyo zezinye zezizathu ezibangele ukuba iMpuma Koloni ingaqhubi kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi.
Amalungu epalamente asebenza kwikomiti ejongene nezemfundo ajikeleze iMpuma Koloni ekuqaleni kwenyanga ephelileyo ngelizama ukulwa nengxaki ezinokuphazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa.
“Kwiinzame zethu besinika abafundi ithuba lokuba benze izifundo emva kwemini, siyekile ngoku kuba asikwazi kubagcina apha engekho amanzi,” uthethe oko uTola.
IAmatola Water ayifumanekanga ukwenza ilizwi ngale meko nanjengoko ityholwa ngokuba yiyo unobangela.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV