Inqwelo-moya yaseMthatha izakuya naseKapa

Inqwelo-moya yakwaFly Blue Crane kunye nabasebenzi bayo umfanekiso: sinikelo goqweni

Umphathiswa wesebe lezothutho, ukhuseleko nonxibelwano eMpuma Koloni utyhile ngokusesikweni inkampani yakwaFly Blue Crane ezosebenzisa umzila ophakathi koMthatha neRhawuti ngexabiso eliqala kuR799 mntu ngamnye.

Inqwelo-moya yale nkampani ichophe okokuqala kule mpelaveki siphuma kuyo kwaye izakusebenzisa inqwelo-moya ezimbini kulo mzila.

Ethetha kulo msitho eMthatha, umphathiswa uWeziwe Tikana uthe ukutyhilwa kwale nqwelo-moya akuzusi nje amathuba emisebenzi kumasipala weKing Sabata Dalindyebo, kuzakuxhamlisa nabanye oomasipala abancinane phantsi kweOR Tambo.

Uthe kuzobalula ukufikelela kwiindawo ezifana neSajonisi neziselunxwemeni. “Siyavuya kakhulu ekugqibeleni ide yaqala ukusebenza iFly Blue Crane ukunxulumanisa uMthatha neGoli iintsuku ezisixhenxe ngeveki,” utshilo uTikana.

Urhulumente usenenjongo zokufaka ezinye iinqwelo-moya kumzila ophakathi koMthatha neKapa, iBhayi, naseThekwini kule minyaka mithathu ilandelayo.

UTikana ukwathe: “Ubukho bale nkampani kuzonyusa uqoqosho kwiphondo leMpuma Koloni kuba sele kuqeshwe ishumi elinesine labantu kule nqwelo moya yokuqala kwaye kusezoqeshwa nabanye abantu.”

Le nkampani yakwaFly Blue Crane intsha kwezophapho eMzantsi Afrika njengoko iqale ngomhla wokuqala kuSeptemba kunyaka ophelileyo.

Ingqonyela kule nkampani uSizak Mzimela uthe bayavuya ukufumana lo mzila mtsha, bazisa iinkonzo ezikumgangatho ophezulu ngexabiso eliphantsi ngeenzame zokukhuthaza inkonzo yezophapho. OkaMzimela ukwathe bazokuqhubeka bekhangela nenkxaso ukuze bakwazi ukusebenza bande.

Usodolophu waseKSD uDumani Zozo uthi ukufika kweFly Blue Crane kuzozisa ukhuphiswano lweenqwelo-moya eKSD njengoko oku ilutyalo-mali.

Usihlalo webhunga loosomashishi eMthatha uVuyisile Ntlabathi uthe, oku kukufezekiseka kwephupha kwicandelo lezoshishino kule ngingqi. “Abantu balapha bebefudula beqesha izithuthi eMonti, besitya kwaphaya, beqesha nendawo zokuhlala khona kodwa ngoku lo nto izokwenzeka apha kunyuke uqoqosho lwalapha,” utshilo uNtlabathi.

isibhalo@inl.co.za