Umphathiswa wesebe lorhwebo noshishino uRob Davies uthi amazwe aseAfrika adinga amaqonga okuba axoxe imithetho, iindlela zokunabisa nokuguqula indlela ekuqhutywa ngayo iimeko zawo zezimali ukuze angenelele kwimeko yezimali yehlabathi.
UDavies uthethe oku ngethuba ebethetha kwinkomfa yeshumi elinesine yorhwebo noshishino yombutho wezizwe ezimanyeneyo nebibanjelwe kwilizwe laseKenya.
Lo mphathiswa uxelele le nkomfa ukuba amazwe aseAfrika avelisa iimveliso ezikwinqanaba eliphantsi ukuze athabathe inxaxheba kwimeko yezimali yehlabathi.
Ubongoze ezo nkokheli ukuba zenze amalinge okunyusa umgangatho weemveliso zelilizwekazi ukuba livelise kwinqanaba eliphezulu njengamanye amazwe.
Ukwabongoze amazwe ahlumileyo ehlabathini ukuba avelise imithetho eyenza ukuba kubelula kumazwe asakhulayo kushishinino ukuba akwazi ukuthenga nokuthengisa kwinqanaba eliphezulu emhlabeni.
“Singamazwe aseAfrika kumele ukuba sivule amaqonga okurhwebelana sisodwa ukuze sikwazi ukurhweba cacileyo namazwe angaphandle,” utshilo uDavies.
Isebe lorhwebo noshishino eMzantsi Afrika kutshanje limisele iphulo elibizwa ngokuba yiTrade Invest Africa elijoliswe ukuxhasa amashishini eli ashishina namazwe aseAfrika.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini