INSFAS isungule iphulo leFund-A-Thon eFort Hare

INational Student Financial Aid Scheme (NSFAS), ngomhla wesixhenxe kule nyanga isungule iphulo lokuqokelela imali elibizwa ngokuba yiNSFAS Fund-a-thon ngokubambisene neSABC Foundation, Vodacom Foundation ebibanjelwe kwiYunivesithi yaseFort Hare.

Ukuxhasa lo msitho, usekela mphathiswa wemfundo ephakamileyo uMduduzi Manana, uye wenza intetho ephambili nalapho acele abemi beli loMzantsi Afrika ukuba bafake isandla ekukhuliseni ingxowa mali ezakuthi encedisane nabafundi abafanelekileyo kwimfundo ephakamileyo.

UManana uthe: “ Imfundiso yokwabelana ngexabiso lemfundo ephakamileyo yeyona ibalulekileyo kweli loMzantsi Afrika. Ixabiso lemfundo ephakamileyo bekufanele ukuba kuyabelwana ngalo ngurhulumente kunye namaqumrhu abucala, ingakumbi ngokohlobo lotyalo mali kuphando nakwinkxaso mali yabafundi.”

Ingqonyela yakwaVodacom, uMaya Makanjee uvakalise ukuba imfundo yingxaki yoluntu ngokubanzi, kwaye njengeziko lwakwaVodacom bazakutyala kwezemfundo ngokuxhasa eli phulo. Umlawuli weNSFAS uMsulwa Daca ugqinile ukuba ezemfundo asiyongxaki karhulumente kuphela, kodwa amaziko abucala noluntu jikelele kufuneka adlale indima yawo ukuqinisekisa ukuba imfundo ephakamileyo iyafikeleleka.

Ingqonyela yeYunivesithi yaseFort Hare uGqirha Mvuyo Tom ukhuthaze wonke umntu ukuba abambisane kwiinzame zokuguqula imfundo ephakamileyo noqeqesho, le nto izakuncedisa abafundi abasuka kwiindawo ezihlelelekileyo ukuba bafikelele kwimfundo ephakamileyo.

Ngokungqamene neenjongo zikaNSFAS, IFund-A-Thon izama ukukhulisa imali ezakunceda abafundi abazimiseleyo kwizifundo zabo nabo basokolayo.

Xa uthumela i-SMS ku-49919, ikhatshwe ngamagama athi NSFAS, uluntu lungakwazi ukuncedisa ngemali angamashumi amathathu eerandi ngomyalezo. Ngolu hlobo umntu angakwazi ukuba negalelo kwimali esele ikhona, abonakalise nokuba ngummi weli onoxanduva.

Emva kweeveki zoqhankqalazo labafundi kwiiYunivesithi ezilishumi elinesibhozo zeli loMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo, ngenxa yokwenyuka kwemali yemfundo ephakamileyo, ucalu – calulo oluqhubekeka nokungena ezingqondweni zabemi boMzantsi Afrika. Urhulumente uye wanyanzeleka ukuba afake imali nangakumbi kweli sebe.

Njengokuba kunyuswe imali kweli sebe ngurhulumente, * -NSFAS ubone ukuba kwenziwe indlela yokuqokelela imali ezakukhawulelana norhulumente.