Intatheli yakwa-e TV ibalisa ngentlungu eqhubeka kweli ziko lezosasazo

IINGUQU ezicothayo, ubuhlanga, kwakunye nemivuzo engalinganiyo kubasebenzi abenza umsebenzi ofanayo, zezinye zeengxaki ezijamelene nabasebenzi kwa-e TV.

Oku kudizwe yintatheli eshiye eli ziko kwiveki ephelileyo uPhakamile Hlubi. OkaHlubi wazibandakanya neliziko leendaba njengentatheli kwiminyaka emine edlulileyo.

Impatho gadalala yabalawuli, ubuhlanga, kwakunye nemivuzo engalinganiyo yenye yezinto ezamkhuthaza ukuba aqale idabi lokubona utshintsho kule nkampani. Kwincwadi ayibhalele oogxa bakhe abasasele kweli ziko uHlubi ugxibhe ukungafunwa kweemanyano zabasebenzi kweli ziko.

“Yasothusa lo nto kuba le nkampani yaqalwa ziimanyano zabasebenzi, kwaye imanyano iSACTWU yeyona inezabelo ezininzi kule nkampani, kodwa ngoku ibonakalisa ukuchasa ukuba abasebenzi babephantsi kwemanyano,” utshilo uHlubi.

Ukwathe babeyintlekisa ngethuba beligcuntswana bebambe uqhankqalazo ngaphandle kwamasango ale nkampani. Uhlubi uthe, ziintshukumo zabasebenzi ezakhokelela kutshintsho kulawulo kweli ziko leendaba.

Owayeyintloko yeli ziko uPatrick Conroy watshintshelwa kwesinye isikhundla kwenye yenkampani ayinxalenye yazo * -e TV, kwangena uAnton Harber endaweni yakhe, nochazwe njengonomdla wokuphulaphula izikhalazo zabasebenzi. NgoMeyi le nkampani yazifumana isematheni emva kokuba inqaku lenye yeentatheli uNontobeko Sibisi lithe aladlalwa kuba ethwele iqhiya.

UHlubi ubike ukuba umdla otsalwe ngumba weqhiya notshintsho lwendlela yokunxiba yenye yeempumelelo zabasebenzi kweli ziko.

“Indlela yokunxiba echaseneyo nempahla yesintu iyapheliswa, umgaqo wendlela yokunxiba uyacwangciswa,” utshilo okaHlubi. Ukwathe ayiyonto intle ukubika ngabo bangawuhloniphiyo umgaqosiseko, ube ungahlonitshwa nakule nkampani. Uthe, “Asikwazi ukuthi siliziko leendaba sikhuphe iingxelo ngoJacob Zuma ongawuthobeliyo umgaqosiseko, sibe nathi sisenza oko.” Ulebele ngelithi, umsebenzi wakhe uwugqibile, kwaye abo baseleyo banoxanduva lokuqoshelisa okusaseleyo.