Intatheli yazisindisa ngokuziphosa imot’ ihamba

Intatheli yeSABC uFundiswa Mhlekude

Baphila ubomi bentshontsho abantu ababhinqileyo eMzantsi Afrika. Impathombi nokubulawa koomama kuye kwaqatsela ngakumbi kulo unyaka – into ethe yagungqisa noMongameli welizwe.

Intatheli yeSABC apha eMpuma Koloni, uFundiswa Mhlekude, ngomnye wamanenekazi athe angamaxhoba. Ngomhla wesixhenxe kweyeThupha, uMhlekude wahlaselwa sisijemjem sendoda angayaziyo emotweni egqiba kushiya unyana wakhe esikolweni eMthatha.

Uthi yavula ucango indoda angayaziyo, yamtshovela kwelinye icala yakugqiba yaqhuba imoto yakhe isithi ifuna imali. UMhlekude uthi wathi akanayo kodwa wathi akubona ukuba imoto iya endaweni angayiqondiyo, wabona ukuba makaziphose phantsi imoto ihamba ukuze azisindise entweni engekehli.

UMhlekude uphalaze imbilini yakhe okokuqala kwincoko yakhe neli phephandaba, athe kuyo kufuneka amadoda atshintshe indlela aphatha ngayo oomama.

“Ndiziva ndingakhuselekanga kweli lizwe njengomntu ongumama. Andikayazi nangoku eyona nto eyayisenzeka kum ngokuba ndandicinga ukuba ngumntu ondaziyo lowa. Umntu (oyindoda) wangena emotweni yam sele endihlasela. La nto ichaza ukuthi amadoda asibona njengabantu abanokwenza kubo nokuba yintoni ayifunayo. Kutheni eza kungena emotweni yam abe sele endidlakathelisa ngala ndlela engazi nokuba ndixhobile na? La nto ithi kum kukho imfuneko yokufundisa abantu abangootata indlela yokuphatha oomama,” utshilo uMhlekude.

“Ukuba umntu ongutata akanakuyamkela into eyenziwe emntwaneni wakhe okanye esihlobeni sakhe, makangayenzi nakwabanye abantu lo nto. Abantu abangootata mabohlukane nokwenza oomama izinto zokudlala. Umntu afike amdlakathelise, ambethe, amdlwengule aphinde ambulale. Ukuba liqabane lakho, kungcono umlahle ngokuba bakhona abanye abantu anokukholiseka kubo. Abantu abangoomama mabangazifihli izinto ezenzeka kubo. Umzekelo: Mandingafihli emntwaneni wam xa ndibethiwe ngokuba kufuneka abone ndiyithathela amanyathelo lo nto. Mandimshiye umntu ondibethayo ukuze naye ayifunde into engamkelekanga. Abantwana abangamakhwenkwe kufuneka bafundiswe ukuba umntu ongusisi ayonto yokudlala. Ngaloo ndlela ukhusela wena nabanye abantu,” utshilo uMhlekude.