Intembakalo Yamaphepha esiXhosa

Masiqale ngelithi: I’solezwe alina nto yokwenza neePoster ezonyelisa igama lamantombazana namadoda aseMonti ezithubeleza kumakhasi wonxibelelwano.

Iqale kancinci le nto kule veki iphelileyo emva kokuba sisasaze isihloko-ndaba esingu “Makupula: Zizishumane Zokwenene iiBlesser” ngoLwesithathu ebusuku. Mzuzwana mzuzwana kuthe gqi izihloko-ndaba ezinegama lethu zisithi “Adume ngolwimi amadoda aseMonti.”

Leyo ibinge yoyethu, ibiyeyeqhula lodumo lalapha ephondweni nelithe labhala pha phantsi kwegama lethu ukuba ijijwe lilo leya. Kwahlekwa. Kwamnandi. Suke kwee gqi ezinye ngoku sezifake imifanekiso yamadoda athile aseMonti.

Kwanzinyana. Sisajonge leyo kwee gqi ezinye ezidwelisa amagama amantombazana ekuthiwa adume kakubi eMonti. Kulapho singenelele khona, sazama ukunqanda kwaye saziqelelanisa nezi zibhalo. Nalo iqhula eli belenze eyokuqala lakhupha isibhengezo sokuba alazi ukuba ngubani lo usasaza eziPoster “zomgunyathi.”

I’solezwe liphephandaba apha esifumanise ukuba lidume kakhulu ngezihloko-ndaba esiye sizixhome kwiipali ngeepali kwiidolophu ezithile zaseMpuma Koloni. Xa usithi usebenzela I’solezwe uye umntu akubuze ukuba “usayikhumbula la Poster yayisithi…” ahleke.

Ziyalinceda iphepha ukuba likhule kwaye isidanise mpela into yokubona zixhatshazwa ngolu hlobo, kuguqulwa namagama kumnatha wonxibelelwano.

Siliphepha sizama ngandlela zonke ukuza neendaba ezinyanisekileyo, ezingarhwexiyo, ezingenazinyeliso nezingalahlekisiyo. Siye sifumanise ke ukuba isekhona into edala ukuba iphepha lesiXhosa kube nzima ukulithemba.

Sinesikrokro sokuba le nto idibene nembali yamaphepha esiXhosa. Uyakukhumbula ukuba Imvo Zabantsundu pha ngoo-1990 zazise ziphaka iindaba ngoohili nezinye izinto ezingakholelekiyo ncam.

Asekhona ke namanye amaphepha abhekiswa kubantu bakuthi nawathanda ukugcwala iingxelo ezingoothikoloshe nezinye ezingakholelekiyo.

Eli iphepha aliyiyo yonke lo nto. Sizimisele ukuphuhlisa ubuntatheli besiXhosa ngeyona ndlela inyanisekileyo.

Siyabulela ngenkxaso kwaye sakuhlala siziphaka ngobunjalo bazo.