INtetho yoBume beMpuma Koloni

Lithi ibali qho kusasa ngemini yokunikezelwa ngentetho yobume bephondo, iintatheli ziye ziyokuvalelana nenkulumbuso kwicawe ethile eBhisho.

Apho kuloo cawe, kuye kuqokelelwe iifowuni zeentatheli, zibekwe bucala phambi kokuba iintatheli zifumane ithuba lokubuza nantoni na kwinkulumbuso nabaphathiswa bayo. Kule veki iphelileyo khange kube njalo.

Ewe, kudityenwe kodwa kuye kwanzima ukubuza yonke into. Sixakwe ke thina ngoba awukwazi ukuthetha ngobume bephondo libe lona iphondo lingakwazi ukuba ume ndawoni.

Kudala kusithi gqi amahumhum nezigrogriso zokuba inkulumbuso, uMasualle, angasuswa nanini na kuba engafuni ukusebenzisana nesigqeba esitsha solawulo lweANC eMpuma Koloni.

Xa iintatheli zibuza imibuzo ngentsebenziswano yakhe neANC yephondo, iye yanomsindo kakhulu inkulumbuso isithi imiba edibene neANC mayiyokubuzwa pha kuyo, hayi kuye, yena uzokuthetha ngobume bephondo qha. Babengawujikajika lo mbuzo oonondaba, akagungqa.

Yhini inkulumbuso esiyibona njengenye yezo zisebenze kakuhle nebezimanxadanxada ukuba izokusiphoxa ngeentsuku zokugqibela?

Oonondaba zizicaka zomdla woluntu kwaye ubudlelwane benkulumbuso neANC yephondo ngumba osematheni kakhulu.

Ayiboburhalarhume beentatheli ukubuza ngabo. Kwaloo ntetho yobume bephondo eyenzelwe kwintentekazi eshushu ukufa ibe yinkcitha-xesha. Kwiminyaka edlulileyo sasidla ngokuphuma sinethemba lezinto eziza kwenziwa ngurhulumente kuloo nyaka.

Kodwa kule intetho yangoLwesihlanu, siphume sabuya kungekho nto ibambekayo; inkulumbuso inikezele ngesishwankathelo seenkqubo esizaziyo ukuba ziyaqhuba ephondweni yaze yathi “siyaqhuba.” Nkqi izithembiso!

Kodwa ke asinakumtyhola uGcwanini ngoba iimeko asebenza phantsi kwazo azikho lula kwezi ntsuku. Kwapha kubaphathiswa bakhe kukho abangxamele ukuba ahambe, kubekho abo bamxhasayo. Noko ayizomeko zokusebenza ezikhuthazayo ezo.

Siyathemba ukuba kungahamba kuhambe kulunge kwamsinya ukuze kuqhutywe ngophuhliso.