Intetho yoBume bePhondo ngokwamanani

Phumulo Masualle ethetha eBhisho

“Ikhwelo lityala mawethu. Lo msebenzi sikuwo wokuzisa uphuhliso eluntwini kwakunye nokulwa indlala mkhulu kakhulu, ufuna umanyano.”

Oku kuthethwe yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle xeshikweni ebesenza intetho emalunga noBume bePhondo eBhisho namhlanje.

“Xa sibambisene, sisebenza kunye, iingxaki zethu zinganeno kunamandla ethu. Kungoko ke sisithi, ubani nobani makabhinqele phezulu, kungenwe entsimini. Kwindawo nendawo, makuqhum’ uthuli,” utshilo uMasualle.

Ngokwamanani asekezelwe kuphuhliso loluntu lwaseMpuma Koloni, uMasualle ubhengeze ngolu hlobo:

– Kule minyaka mine idlulileyo, imisebenzi edaleke kwicandelo lezolimo, elezakhiwo kwanelezokuxonkxa ikwi-18 553;

– Kule minyaka mine idlulileyo, imisebenzi edaleke kwicandelo le-Expanded Public Works Programmes ikwi-508 000;

– AbakwaSANRAL bakwiphulo lokwakha iindlela eMpuma Koloni elixabisa i-R7 yeebhiliyoni zeerandi;

– Imali yokwakha iindlela zasezilalini ikwi-R3.1 yeebhiliyoni zeerandi;

– Abafundi abakwi-80 595 baxhamla kwinkqubo yothutho karhulumente ukuze bafikelele kwimfundo;

– Abafundi abakwi-1 441 216 baxhamla kwinkqubo yezikolo ezingahlawulisiyo;

– Imizi ekwi-250 000 ezakuxhaswa kumaphulo ezolimo;

– Amafama amnyama akumakhulu amabini akwinkqubo yokufundiswa ngokuvelisa inyama ebomvu eBerlin eQonce;

– Kwinyanga ezayo, kufuneka bekwi-1 400 000 abantu abavavanyelwe isifo sikagawulayo;

– Isigidi sabantu sivavanyelwe isifo sephepha;

– Ukusukela ngonyaka-mali ka2014/15 iphondo lakhe izindlu ezikwi-47 453;

– Kunyaka-mali ka2018/19, kuza kwakhiwa izindlu ezikwi-8 870.