Intetho yobume besizwe eyahlukileyo

UMongameli uCyril Ramaphosa esenza intetho yakhe yobume besizwe ka2024 kwiHolo yeSixeko saseKapa. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Okokuqala ezimbalini, uMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uza kuba esenza intetho yakhe yobume besizwe okokuqala phantsi koRhulumente wendibanisela.

Emva kokoyisakala kweANC ukufumana iivoti ezaneleyo ukuba iphathe yona kwiPalamente kazwelonke, uRamaphosa unyanzeleke ukuba alawule neminye imibutho.

Uza kuthetha ngobume besizwe ngexesha apho ziqavileyo iimpawu zokungaboni ngasonye nombutho ophambili kwindibanisela, iDemocratic Alliance (DA).

Ngomhla wesithandathu kwinyanga ezayo, uRamaphosa uza kube esenza intetho yobume besizwe ecacisa ngokwenzekileyo ukuza kuthi ga ngoku.

URamaphosa uthathe izigqibo ezishiye oogxa bakhe boRhulumente wendibanisela, ingakumbi iDA, ingaxolanga.

Ukupasiswa komthetho weBELA, kwanokupasiswa komthetho iExpropriation omalunga nokwabiwa komhlaba, kubangele iintanda ezimandla kule ndibanisela.

Njengesiqhelo, uRamaphosa uza kuba ekhokelwe nguSomlomo wePalamente kazwelonke, uThoko Didiza, xa eza kuba esenza intetho yobume besizwe.

Ixesha lokwenziwa kwale ntetho latshintsha lenziwa ngorhatya ukusukela ngexesha likaMongameli uJacob Zuma.

Ngaphambili, le ntetho yayisenziwa ngentsimbi yethoba kusasa ngexesha likaMongameli uNelson Mandela kwakunye noThabo Mbeki.

Kulindeleke ukuba uRamaphosa aqhayise ngomsebenzi asele ewenzile oquka ukungaphazamiseki kombane kwiindawo ezininzi zeli emva kokusungula iSebe elijongene nombane. Ukanti iingxaki eziquka intswela ngqesho, ulwaphulomthetho, ukuphazamiseka kweenkonzo zamanzi kwiindawo ezininzi zelizwe zezinye zeengxaki.

Uninzi lwemibutho ibiphikisa kuRhulumente lunikwe izikhundla zokuba balawule nabo njengabaphathiswa okanye amasekela wabaphathiswa. Oku kwenze ukuba kushiyeke imibutho embalwa ephikisayo, equka iEconomic Freedom Fighters kwakunye noMkhonto Wesizwe Party.

Le ntetho iye ixoxwe kamva emva kweentsuku ezithile igxekwe okanye inconywe ngamalungu ePalamente.