Intingela eNew York intwazana yaseTsomo

UNolundi Msutwana, 36, wakuGxwalibomvu eTsomo nongumama wentwazana ezakuntingela phesheya uNgcwele Msutwana,8, xa eyokungenela ukhuphiswano lonobuhle uthi oku kuye akukholeleki.

UMsutwana uthi kaloku akuzange kubelula ukuza kukaNgcwele emhlabeni xa wayebeleka uNgcwele phambi kwexesha enenyanga ezintandathu kuphela. Uthi zange ayazi ukuba uzakubangummangaliso ebomini bakhe.

UNgcwele ngenyanga kaJulayi ku2020 uzayokuxuba ezinye iintwazana ezikwiminyaka yakhe emela ilizwe loMzantsi Afrika apho bazakube bengenela bekwalingisa ukudlala eqongeni kwanokuqeqeshwa kwezinye izakhono.

Ungcwele ukuGrade 2 eSt Marks School eBhayi apho sele engumhlali khona nonina ngenxa yempangelo.

UNgcwele uqale ukungenela eneminyaka esixhenxe kunyaka ophelileyo emva kokuva intengiso kwi reyido apho abakwa 33 and Me Talent Agent babefuna abantwana abazithembayo abakwiminyaka ethile.

UNgcwele wazama kolo khuphiswano waphumelela wayokumela iphondo eRhawutini kwakunye nabantwana baseNamibia abakwiminyaka yakhe.

Le ntwazana kulapho iye yakhethwa khona ekubeni iyomela uMzantsi eNew York. UNolundi uthi imali efunekayo iyonke aze abe uNgcwele uyafika eNew York yi100 000 kodwa yena ngoku sele ezame iR55 000.

Uthi uyile kumasipala eyokucela inkxaso kodwa usathenjisiwe akukabuyelwa kuye.

Ukwabongoza noluntu ekubeni lumncedise ngokuthi lufake isandla ekonyuseni ingxowa kaNgcwele ukuze akwazi ukuya eNew York.

UNgcwele sele exhonyiwe kwiintengiso zeevenkile ezithile eBhayi.