Intloko ibiseMonti, umzimba useGcuwa!

UMaria Sokutu kunye noThemba Ngqokela abazali bakaLihle Sokutu waseReeston, owabulawa ekuqaleni konyaka, umzimba wakhe wafunyanwa ungenayo intloko ulahlwe ematyholweni ngaseGcuwa

Ikhaya lakwaSokutu eReeston eMonti, beluxakene nento ngethuba luza kungcwaba unyana walo uLihle, emva kokuba umzi wabangcwabi oseMonti ubaxelele ukuba unentloko kuphela, wabe usithi ulinde amanye amalungu omzimba ongenantloko aseGcuwa.

Kwikhaya labangcwabi iMpumakwezi eMonti bebegcine intloko, logama kumkhenkce karhulumente eGcuwa bekugcinwe umzimba ongenantloko.

Ukusokoleka kokuqokeleleka komzimba kaLihle kulandela emva kokuba wathi walayishwa kwiAvanza ngamadoda asixhenxe kwakunye noogxa bakhe ababini kwinyanga yoKwindla kulo nyaka basiwa kwiliwa lakuManqulo eGcuwa, babethwa ze bajwilwa ezantsi kuba betyholwa ngokuba iilaptop zala madoda eAvanza.

UMaria Sokutu uthi oko ede wabe uyangcwatywa unyana wakhe ukhululekile kuba zimngcungcuthekisile ezi nyanga zintandathu engade angcwatywe umntwana wakhe. Uthi unyana wakhe wabhaqwa kwinyanga elandelayo sele ebolile eGcuwa, intloko ingekho kuba waqhawuka ngethuba ejwilwa. Uthi ukuze abe ungcwatywa kade kungokuba bebemane ukwenziswa ufuzoncindi (DNA) ukuqinisekisa ukuba ngunyana wabo obhaqwe kumawa aseGcuwa.

“Bendingasaphumi phandle ndihlala endlini oko kwathi kwavakala into kaLihle ndibaleka ukubuzwa. Sukela kula nyanga oko ndamongoza ngeempumlo, ndiquqa eMpilweni kuba ndithatha iipilisi. Nokuba ebeyintoni umntwana wam kodwa noko ibingeyondlela ekumele abhubhe ngayo le,” utshilo uMaria.

Utata wongasekhoyo uThemba Ngqokela, uthi uncedwe ngumphathi wakhe emsebenzini, ethe gqolo ukutsalela amapolisa malunga netyala likaLihle owabulawa ngokungenalusini.

“Kum urhulumente akusekho yakhe, akaselothemba, ndincedwe ngumphathi wam obeququzelela le nto, ngengekangcwatywa unyana wam.”

Uyibalise yabuhlungu eyokuba umzimba kanyana wakhe kuMgqibelo odlulileyo ufike emva kwentsimbi yeshumi elinesibini uziswa likhaya labangcwabi iMpumakwezi kuba besithi bona banentloko yodwa kubo, umzimba useseGcuwa.

Umfundisi webandla ebelingcwaba kweli khaya uAyanda Thunywa weGood Samaritan Apostolic Church of God eliseMzamomhle eGonubie, nebinguye obebhexesha inkonzo yomngcwabo, uthi ibe buhlungu into eyenzeke kweli khaya.

“Emva kweenyanga ezingaka kungacaci cala ukuba umntwana wabo ukweliphi icala, ngoku nangosuku lokumngcwaba kwenzeka isiphithiphithi. Ukufika kwabangcwabi ndicele ukuba ukrotywe umzimba njengoko kuqhele ukwenziwa. Khange ndoneliseke yimpendulo yomsebenzi wabangcwabi yathi “ningafa, ngcono ningawukrobi”. Ndabuza ukuba njani kuba wena awufanga kodwa uthi thina singafa.

“Siphele singawukrobanga umzimba, ndangcwaba ndingaqinisekanga nokuba ndingcwaba umzimba wonke okanye intloko kuphela,” utshilo uMfundisi uThunjwa.

UMaria uthi zange abenawo amandla wokuwujonga umzimba womntwana wakhe, wabulela loo malungu afikayo.

Uthi okumhluphayo umntwana wakhe wemka ngeAvanza eyokubulawa, nangosuku lokungcwatywa kwakhe uziswe yiAvanza.

Utata womntwana uthi akananxa nabangcwabi kuba nabo bebengazukwenza njani ukuba umzimba ungade uziswe ngamapolisa.