Intlonipho iqala kuwe

Yonke into enento yokwenza nokulunga kwezinto, noxolo, ne- nzolo ekuhlaleni iqala kuwe, iye ekhaya, igqithisele kwabanye abantu.

Umntu akakwazi ukunikisa ngento angenayo, iqala kuwe. Kunjalonje abantu abanentlonipho abayikhangeli iyabalandela. Nikhe niyive la ntetho ithi imali iya emalini? Kunjalo nalapha kwintlonipho. Abantu abanemali bayakwazi ukuyikhupha, yilo nto ibalandela nje.

Andiqondi ukuba abazali bayaluqonda uxanduva abanalo ekuphuculeni intlalontle yethu, ngakumbi abazali beli xesha sikulo. Ukuba abazali bebeluqonda uxanduva negalelo abanalo ekumeni nasekuweni kwesizwe ngesingaxoxi okanye sixakwe ngabantu nabantwana ezikolweni nasekuhlaleni ngolu hlobo sixakwe ngalo. Abantwana abaninzi endidibene nabo ekuthiwa abamameli ndiye ndithi xa sendiphanda ukukhula komntwana ndifumanise ukuba umoshwe ngumzali amaxesha amaninzi, qha ngoku umzali sexakene nento. Umzekelo wale nto ndiyithehtyao, abanye abazali baqala izinto abangazifeziyo; umntu aqhelise umntwana ukumthengela iimpahla zexabiso nezinagama, ze athi xa engasakwazi ohluleke kukuzicacisa emntwaneni. Ethubeni uve kusithiwa umntwana akamameli, kanti umntwana wenza into ayiqhelisiweyo.

Siphinde sibenengxaki yabantu abadala abangenantlonipho. Zaphela iintsuku apho yayicacile into yokuba umntu angabamdala, uyahlonipha. Inene amaxesha ngamanye. Sixakana nezimilo zabantu abadala ekuhlaleni, emisebenzini. Akumama akutata, seyincame yaqheleka into yoba sibe sicelwa uthando yile ntanga yabazali bethu. Iyasinzimela ke thina bakhuliswe ezilalini sisazi umzali engumzali noba akakuzali. Ngekungcono uba besisazi ukuba sijongene nokuqeqesha abantwana qha, hay nabantu abadala.

Intlonipho ke ihambelana nothando nenkathalo. Uthando olo singaluchani ncam kwalona . Kodwa ke asikho apho, ngenye imini sizakukhe sithethe ngalo, bekumele kufundiswa ngalo phi, ekhaya? eCaweni? Esikolweni?

Okokuqala, awukwazi ukuhlonipha umntu ungamthandi. Ukuze umntu umhloniphe kufuneka umthande, umnqwenelele okuhle umazi, ungamazi. Xa sinokubona abantu njengabantu ekumele sibahloniphe, sibathande, ububi esikubo bungaphela. Intlonipho yile ndlela uyiyo asiyonto emane isuka kuwe iphinde ibuye, le ndlela uziveza ngayo. Ingakuvulela okanye ikuvalele amasango aph’ebomini.

Xa uhlonipha ude waziwe ngentlonipho. Baninzi abantu kwezi venkile ndingena kuzo endingawaziyo amagama abo kodwa impatho yabo yenza ndilibale nokuba amagama abo andiwazi, into ehlalayo engqondweni yam yindlela abamphatha ngayo umntu. Kubanjalo ke naxa uqaqadekile, abantu bakwazi njalo. Isimilo esibi ke asisi mntu ndawo usuka apho senza intsuku zokuphila kwakho zibemfutshane

Eli lixesha lokuba simise ingqondo xa sicinga okanye sisenza izinto. Ikamva eliqaqambileyo lixhomekeke kwizinto esizenza namhlanje. Uba sifuna ukubona intlonipho esitratweni, mayiqale kuwe nasendlini. Umzali nomzali kufuneka azibuze lo mbuzo “ingaba indima yam njengomzali ndiyayidlala na”? nomntwana ngokunjalo. Side sifikelele ekuqondeni ukuba abantwana asibakhuliseli thina sibakhulisela isizwe, ngapha koko sizakuba sichitha ixesha. Abantwana banamhlanje bangabazali bangomso.

Ingxaki yokunqaba kwesimilo idlulile kwinto yokuba umntu angabinasimamva xa ethetha nomntu omdala ngoba kaloku abantu abadala abafun’ukubabadala, yaya kwinto yoba singahloniphani ngokwendlela esibona ngayo izinto, indlela esithetha ngayo.

Kwelinye icala sikhuthaza abantu ukuba bazazi ukuba bangobani, bamele ntoni, baphilela ntoni, ukanti kwelinye icala sifuna abantu benze izinto ngendlela thina esifuna ngayo okanye esizazi zisenziwa ngayo. Umntu xa kunjalo aphile ubomi babanye abantu.

Ekugqibeleni aphulukane nobuyena kuba kaloku * ban-ban othile owaziwayo kufuneka kukokoswe iimvakalelo zakhe. Andithi abantu mabangabinasimilo, koko ndithi abantu; yonke into esiyenzayo nesiyithethayo masiyenze ngentlonipho. Akukho nto itheni ingathangani ngokungavumelani ngezimvo, kodwa ingxaki ikhona xa ufuna ndenze into efunwa nguwe. Lo ngqondo injalo isivalela amathuba okukhula ebomini.

Uba nje singake sohlukane nokukhangela amaxhoba emeko esizibona sikuzo sikhe silungise ukuhlala kwethu. Umzekelo: izinto ezininzi nendima yethu emakhayeni ethu siye sayinikela kuRhulumente, sashiyeka singancedakalanga. U -Rhulumente uyakuhlala enendima yakhe, nathi emakhayeni ethu sakuhlala sinendima yethu. Umcelimngeni nomcelimngeni unonobangela wakhe. Unobangela wabazali abangakhathaliyo uzala unobangela wabantwa abangakhathaliyo, aba bantwana sithi abanasimilo bakhuliswa ngoobani? Sithi bazali. Kule nto yokuxakeka kwethu singabazali abantwana bethu bakhula kungekhomntu wokubafundisa ngobomi nentlonipho. Kukho abantwaa abavakala nje ngokubetha kolwimi ukuba zange bayiva kwasebuntwaneni babo ukuba intlonipho yintoni. Axake umtu sele emdala, nedlela le yokuthetha kwabazali izinto ezingayiyo phambi kwabantwana.

Thina ngexesha lokukhuliswa kwethu sasikhutshwa phandle xa abantu abadala bezothetha, kude kuthiwe ‘sizokunibhalela edongeni’. Ndiyanicenga ntozakuthi, “Ngeke kuhlale kunje” kule ndawo ukuyo, yenza umahluko, makucace ukuba kukho wena… ewe, wena!

katomnoku@gmail.com

Previous article

yinkwenkwe

Next article

Abantu babhenela koosiyazi!

SHARE