Intlungu yakhe imqhubele empumelelweni

UPhilasande Tinzi ebonisa ngophawu lwakhe lwempahlaumfanekiso: uthunyelwe

Ngelixa umfundi wesikolo esiphakamileyo saseMthatha ephulukana nabazali bakhe bobabini, ubomi bakhe baye baba nzima kakhulu. Nangona kunjalo wafumana injongo yokuba abuguqule bube ngcono ubomi bakhe.

UPhilasande Tinzi waqala uphawu lwakhe lwempahla yokunxiba olubizwa ngokuba yiFlip Card njengendlela yokuhambisa umvandedwa wakhe kwinto efanelekileyo.

Le nzalelwane yaseMonti nekhulele eMthatha KwaLink, ithi ibinako ukukhetha ukuba ngumvukeli, ukuzibandakanya kwizigulo zempilo yoluntu okanye yenze ububi bodwa, kodwa yayifuna ukuguqula ilahleko yayo iyenze inzuzo.

Xa lo mfundi oneminyaka engama21 ubudala ofunda ibanga le11, engekho kwiklasi kwisikolo samabanga aphezulu iZimele, kwilokishi yaseKhwezi, uba segumbini lakhe ehambisa iingcinga zento aza kuyongeza ukukhulisa ishishini lakhe.

“Ukuqala kwam iFlip Card kuye kwandinika ithuba elitsha ebomini. Bendingabandakanyeka kwiziyobisi njengabantu abaninzi abalingana nam ukuba bendingaqalanga uphawu lwempahla olu,” utsho uTinzi.

Ukusukela ebudaleni, uTinzi wayeyithanda ifashoni, kodwa unqwenela ukuba ngusoqoqosho kwaye usebenza nzima ukulungelelanisa isikolo sakhe nokwakha uphawu lwempahla olu.

“Ubomi bam bebunzima emva kokulahlekelwa ngutata [uVuyisile Soyikwa] ngo2008 kwalandela umama [uNtombomzi Tinzi] ngonyaka ka2010. Ndacinga ukuba sisiphelo sobomi bam eso, yayingathi umhlaba ungavuleka ndingene, kodwa ifashoni yandisindisa. IFlip Card indinike into yokuyiphilela ngokuba ndijonge phambili kwaye ndisebenzise ixesha lam ngobulumko,” utsho uTinzi.

Uqale ngokuthenga iikepusi ezintathu kwimali yakhe yemihla ngemihla eziponti ezintlanu nalapho angakhange abuye umva.

Uthi nangona inyanga idlula kungekabikho nto ithengwayo, lo nto ayithinteli ukuzimisela kwakhe ngolu phawu lwakhe lwempahla.

“Endaweni yokuba ndiphele amandla ndiyibona loo nto njengesiqinisekiso sokusebenza nangakumbi kwaye ndiseza kunyamezela ngokuba yonke into inamahla ndenyuka.

“Kubhetele ukugxila kwinto endiyithandayo kwaye ndiyenze ibe yimpumelelo, ndicwangcise umsebenzi wam wesikolo nokwakha uphawu olu lwempahla ngokuba lubalulekile kum,” utsho uTinzi.

UTinzi uthi ufuna ukuba ulutsha luthathe isifundo kumzabalazo wakhe.

“Njengabantu abancinci, sixhomekeke ikakhulu kubazali bethu ukuba benze yonke into. Ndayitshintsha loo ngqondo. Ukuba umntu oselula uba nombono abanawo kwaye kufuneka enze okuthile ngawo okanye oyele ekusizelweni ngabantu.

“Kunqongophele imisebenzi apha phandle kwaye abantu bafudukela kwizixeko ezikhulu ukuze bakhangele imisebenzi. Ndifuna ukudala imisebenzi, amathuba kunye nokukhulisa uphawu olu,” wongezile uTinzi.

Okwangoku uthengisa izikipa zophawu lwakhe neekepusi, atsho athathe imali ancede umakhulu wakhe uBuyiswa Tinzi, 62, kunye neemfuno zekhaya, kodwa uceba ukwandisa ishishini.

“Akukho lula, kodwa ke ukwenza into oyithandayo kusoloko kufanelekile kwaye kufuna ukukhuthala kum. Lo nto izokutsho incede abantu ukuba balandele ekhondweni nabo benze izinto abazithandayo,” utshilo uTinzi.