Intlungu yokutsha koMfundisi nosapho lwakhe

UMfundisi uMandisi Mphithi, inkosikazi yakhe uDunyiswa kwakunye nabantwana babo abathathu uKholo, Yolo noZimi abatshe babhubha kwisakhiwo senkonzo eCala.

Aza kungcwatywa eMonti ngoLwesibini kwiveki ezayo umhla we15 amalungu amahlanu osapho lakwaMphithi athe atsha abhubha ngomhla wesithathu kwisakhiwo secawa yaseWisile, kwiKumkani Hintsa District kwisekethe iSeplan, ekwilali iAskeaton eCala.

Ezi ntsapho nguMfundisi obehlala kwesi sakhiwo uMandisi Mphithi (46), inkosikazi yakhe uDunyiswa (29) kwakunye nabantwana babo abathathu uKhololwethu (5), Zimi (3) kwakunye noYololwethu obeseneenyanga ezili-11 ezelwe.

Uninzi loluntu lushiyeke lothukile sesi siganeko sokutsha kosapho lonke ngaxeshanye.

Ngokwengxelo ephuma emapoliseni, izicimamlilo zafika sele ebhubhile onke ngaphakathi endlini amalungu, kwasinda umntu omnye nobengumncedisi kolu sapho uNthabiseng Matsieng (28), owabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane.

Inkonzo yezithethi iza kuqhutyelwa eOrient Theatre ngentsimbi yeshumi kusasa. Kuza kuqala eyokungcwatywa kwemizimba kwikhaya labo eMacleantown kude kufuphi naseCumakala. Inkonzo yesikhumbuzo sawo iza kuqhutywa apho ebetyisa khona izimvu zakhe eSeplan Circuit eAskeaton eCala ngomso umhla we11.

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, uthi ukubhubha kolu sapho ayolahleko yezihlobo zabo kuphela, yilahleko kumaWisile nakubahlali baseCala ebebefumana inkxaso yomphefumlo kulo Mfundisi.

“Ebengumzekelo omhle nophilayo kwinkosikazi yakhe nakusapho lwakhe, udlale indima enkulu kubantu abatsha nakwabadala kula mmandla,” uvale ngelo uMabuyane.

IMethodist Church of Southern Africa nayo idlulise amazwi ovelwano kusapho lwamaxhoba. Ikwacelela imithandazo abasondele kolu sapho.

Ityala livuliwe, amapolisa aphanda ngonobangela womlilo njengoko ubungekaziwa. Kukwabongozwa noluntu luncedisane namapolisa, onokubanolwazi eze ngaphambili.