Intlungu yokuxhatshazwa emva kokubhujelwa ngumyeni

 

Amaxesha amaninzi ooNontlalontle balungisa imiphefumlo yabadandathekileyo, abaxhatshaziweyo nokuninzi okwephula nje umphefumlo, kodwa uNomonde Bentele Stamper yena uphumele elubala ebalisa ngentlungu nangamava akhe okuxhatshazwa ngabomzi emva kokubhubha komyeni wakhe. Umyeni wakhe wabhubha kwingozi yesithuthuthu ngo2008.

UStamper unguNontlalontle osele ezimele ngoku eMakhanda naseMonti, ungumbhali ekwanguye nomomelezi kwabo bantliziyo zityumkileyo.

Wazalelwa eMakhanda ze abazali bakhe bathuthela eNgqushwa ekukhuleni kwakhe nangona nje sele waphindela eMakhanda apho ebehlala khona nomyeni wakhe ongasekhoyo nabantwana babo ababini.

Esi sibini satshata ngo1999 ze umyeni wasutywa kukufa ngo2008, neyaba sisiqalo seengxaki emzini wakhe, ngokokutsho kukaStamper.

UStamper uthi iingxaki zaqala ngosuku kuphuma ngalo umphefumlo womyeni wakhe ngenxa yokruthwakruthwano olwenzeka phakathi kwakhe nakubantu bakulomyeni wakhe olwade lwakhokelela ezinkundleni zamatyala.

Uthi olu kruthwakruthwano lwathabatha iminyaka emininzi nolude lwabe lusombululeka ngo2017 kwiNkundla ePhakamileyo.

Uthi le mingeni yiyo embangele ukuba akhe abhale incwadi ethi ‘The Lasting Effect of the Word I Do”.

Ngaphakathi kuyo le ncwadi iqulethe okuninzi, ubalisa ngobunzima nangamagingxigingxi athe wagilana nawo ukusukela ngosuku lokubhubha komyeni wakhe ukuzokuthi ga ngoku.

“Kuninzi endithe ndagilana nako okube ngapha kwamandla am ndingenamthetheleli, ndingenamlileli, kulapho ndabona khona ukuba kuyadingeka ukuba ndibhale incwadi ndibalise ngamava am kuba ndifuna omnye ongumhlolokazi omncinci njengam akwazi ukukhawulelana nemingeni yobuhlolokazi kwaye axhobe angafani nam,”

Xa kwakubhubha umyeni wam kwabakhona kum kuqala le nto ingumtshato.

Ayikho ikona endingakhange ndidlule kuyo ebuhlungu ukuqala kwisithethe sokunxiba impahla zokuzila, oomama babantwana ecaleni, ukubasemsebenzini ube ngapha ujongene neengxaki ngemva,” utshilo uStamper.

Ngethuba kubhubha umyeni wakhe babenabantwana ababini, omdala eneminyaka esibhozo kuphela nowenza unyaka wakhe wesibini eyunivesithi kulo nyaka, owesibini ngoku wenza uGrade11.

Ngaphakathi kule ncwadi ininzi into eyiqulathileyo, okunye kukubaluleka kokubhalwa kwelifa phantsi, nathi yenye yezinto eye ibangele ukruthwakruthwano emzini.

“Kuninzi esijongana nako emzini ingakumbi thina bahlolokazi endinganqweneliyo ukuba omnye umntu aze afane nam ngokwemingeni endibenayo. Ndibone ukuba mandibhale phantsi okundehleleyo ndiza kunceda abanye abaza kufana nam.”

Uthi nongekatshati, nosele ephakathi emtshatweni ongekabhujelwa ndoda makayithenge ayifunde le ncwadi ukuze azixhobise.

Andikapholi ncam kusebuhlungu ngaphakathi. Ngethuba ndibhala le ncwadi ndandinyembezana kuba isandichukumisa nangoku. Uthi udibene nezehlo apho ebengenalizwi emzini, egqityelwa ngomyeni wakhe, watyhilelwa ilitye engaxelelwanga.

Kwakule ncwadi, uStamper ubhalile ngeempawu zohlobo abantwana abavakalelwa ngalo kwiimeko ezinje ngokweminyaka yabo. Uthi nabantwana nokuba bancinci kodwa bayachaphazeleka.

“Ngale ncwadi ndifuna ukufundisa uluntu jikelele ngemingeni ojongana nayo wena mhlolokazi emizini, emisebenzini nasekuhlaleni,” uvale ngelo lo mbhali. Onomdla ngencwadi ungamkrweca kuFacebook okanye kwinombolo yakhe 071 351 5905.

UNomonde Stamper obenguNontlalontle iminyaka elishumi elisithoba kwiSebe lezoLuleko eMakhanda. Kwincwadi yakhe ubalisa ngentlungu yokuxhatshazwa ngabantu bomzi emva kokubhujelwa ngumyeni, ikwanika nethemba kubahlolokazi.