INTOMBAZANA enonyaka omnye isindile kwingozi emasikizi eyehle kumajikojiko aseNciba kuN2 ngoMvulo, kodwa ngoku kufuneka iintsapho zayo ziyokuyithatha esibhedlele.
Le ntombazana ihleli esibhedlele kwaye akucaci ukuba baphi okanye kwenzeke ntoni kumzali okanye abazali bayo.
ISebe lezothutho ephondweni limemelele kuye nabani onolwazi okanye izihlobo ezazi umntwana ononyaka omnye obekhwele ibhasi yakwaDMJ esuka eKapa isiya eMthatha ukuba baqhakamshelane nabasemagunyeni okanye baye kwisibhedlele saseFrere.
NgoLwesibini iqalile inkqubo yokufanisa imizimba engamashumi amathathu yale ngozi.
Isithethi sezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose, uthi isiqingatha sale mizimba sifanisiwe ngoLwesibini.
UMphathiswa wezothutho ephondweni, uWeziwe Tikana-Gxothiwe, uveze ukuba kukho abantu abathathwe eQonce yile bhasi ze babuyela umva besiya eNciba ukuze bayokhwela ibhasi eya ngaseKomani.
“Into esenza singonwabi kukuba abanye abantu ababhubhe kule ngozi bebekwindlela eya eKapa kodwa bakhwela kule bhasi, esuka eKapa, kuba kusithiwa baza kufumana enye ibhasi eza kuhamba ngeKomani.
“Lo nto ithetha ukuba le nkampani (DMJ) ibiyazi ukuba enye ibhasi yabo ayilunganga, kodwa siza kulinda inkqubo yophando,” utshilo uTikana-Gxothiwe.
UThembisa Mkhohlwa, othethela iDMJ, uthi ukhuseleko lwabakhweli yinto ephambili kubo watsh esithi le bhasi ibinesiqinisekiso sokuhamba endleleni esisesitsha.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!