Khange abenawo amazwi okuchaza indlela aziva ngayo uAnqobile Ngalonkulu emva kokuphuma phambili kukhuphiswano loonobuhle kwiPhondo laseGauteng.
Oku kwenzeke emva kokuba zonke iijaji zitsho ngazwinye ukuba uNgalonkulu nguMiss Teen Universal South Africa walo nyaka kukhuphiswano obelubanjelwe eMedley House, eBrakpan, kwiveki ephelileyo.
UNgalonkulu, 15, yintwazana enekamva eliqaqambileyo kwicandelo lezolonwabo. Oku kucace ngakumbi emva kokuba ethweliswe isithsaba kukhuphiswano loonobuhle obelusemgangathweni ophezulu.
UNgalonkulu ngumfundi kwisikolo saseNathaniel Pamla High School ogqibezela uGrade 10 kulo nyaka. Phambi kokuba nguMiss Teen Universal South Africa, uqhube kakuhle kuMiss Ngqushwa 2023, uLittle Face of Eastern Cape 2020 nakuMiss Germany Village Primary.
Njengokuba inguye ophumeleleyo, uAnqobile uza kuphephezelisa iflegi yeMpuma Koloni noMzantsi Afrika xa ekhuphisana neentanga zakhe kwinqanaba lehlabathi kwinyanga kaCanzibe kunyaka ozayo eTürkiye, eYurophu.
UVuyolwethu Ngalonkulu uthe wazibona iimpawu entombini yakhe ineminyaka emihlanu kukhuphiswano olwaluseNgqushwa. Ngelishwa bebehlala endaweni engenazo izikolo ezinceda abantwana abafuna ukuba ngoonobuhle.
Ukuze uAnqobile afike kwindawo akuyo, kuye kwanyanzeleka ukuba enze amatiletile njengomzali. Okuncomekayo ngokukhula kwakhe uAnqobile kwicandelo loonobuhle kukuba usungule isikolo ekuthiwa yiAnqobile Academy esiqeqesha abantwana abafuna ukuba ngoonobuhle.
“Khange ndikholelwe xa kubizwa igama lam,” utshilo uAnqobile emva kokuphumelela kwakhe. “Bendothukile nyhani – kodwa kwandichulumancisa kakhulu ukufumana iwonga ngoba liza kundivulela amathuba amaninzi aza kundinceda.
“Loo mathuba ngawo aza kundifunqula nditsho ndikwazi ukunceda nabanye abantwana abasuka kwiindawo ezihlelelekileyo apha eMzantsi Afrika. Le mbasa iqinise ukuzithemba nalapha kum. Ndibulela bonke abantu abandixhasileyo, ingakumbi umama wam,” utshilo uAnqobile.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa