Intombi nokuba yinkwenkwe

Inyanga yoMnga yeyokunqanda nokulwa ukuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda. Akwakhona ke namadoda axhatshazwa ngamabhinqa, kutsho kuthethwe ngokuxhaphazana kwamaqabane. Inene ziyafika izinto nokufika kwemihla, imikhuba namacebo okuyihlambulula!

Nangona sele kuvunyiwe ukuba namadoda ayaxhatshazwa ngamabhinqa, kodwa emilonyeni yezithethi kuphuma izinto ezingokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda. Amaphulo enziwayo asingiswe ekuhewuleni amadoda, namadoda ngokwawo ahewulana kwa-odwa!

Inene ungakuzama ukuyiguqula indalo kodwa yona ihlala injalo. Into ebanga kusoloko kunqandwa amadoda kukuba kusendalweni ukuba indoda ibe nobunganga ebhinqeni, abantu balawulwa yindalo ke.

Ininzi nendida koonozakuzaku bale micimbi. Bathelekisa umntwana oyintombi noyinkwenkwe, bathi kukho obaluleke nolunge ukodlula omnye kubo.

Ininzi into ethi umzali okhaliswa kukungabi namntwana uyindodana lucalucalulo. Bathi eso sikhalo sithetha ukuba oyena mntwana ubalulekileyo emzini ngoyindodana. Bubuhiba ke loo ngqiqo! Akukho nto injalo, ukuba ikhona bubuhiba kwanayo leyo.

Abachili bokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda bathi kwa ukukhuliswa ngendlela eyahlukileyo komntwana oyintombi ikwalolunye ucalucalulo olungalunganga.

Nala mpi izakuzela ukuba umntu azikhethele isini afuna ukuphila sona, kungathiwa oyinkwenkwe akanakuyenza into ethile. Inkwenkwe ithengelwe oonodoli. Kwekhu!

Kuthi Bantu, umntwana oyintombi ubaluleke ngokulinganayo noyinkwenkwe, akukho kuthiwa ubaluleke ukodlula omnye kubo.

Sinamacebo okubulungiselela ubomi nkalwana zonke ngokusingise kwisini sabantwana. Akunakuba uzele iintombi zodwa okanye amakhwenkwe odwa, ubomi buqhuba ngokwesiqhelo ebantwini.

Kuthi Bantu, ukwahlula indlela yokukhulisa umntwana oyinkwenkwe koyintombi ayina nto yakwenza nokubaluleka nokungabaluleki kwesini somntwana.

Thina umntu wonke siyamphicotha eyona nto imfaneleyo ze simlungiselele njengoko kumele ngokwasendalweni. Into esibhidayo zizinto ezenziwa ngabantu nezichaseneyo neNdalo, nto ezo singangeni ndawo thina kuzo, abaninizo mabaziqhubele ngaphandle kwethu.

Sisithuko ebantwini ukuthi yingcinezelo ukugcina umntwana oyintombi phakathi kwamasango nokusoloko ebekwe esweni, ngeli xa yena oyinkwenkwe eyekwa ayabule apho athanda khona.

Bubuxoki ke nokuthi oyinkwenkwe simyeka ayabule apho athanda khona, asinasiko liyabulisa mntwana esithubeni kwiindlela zethu zokukhulisa.

Ingqiqo enjalo yahluke kude le kuneyethu, iphambene. Sinezizathu ezibaluleke kakhulu empilweni yethu nasempilweni yabantwana ezidala ukuba sibakhulise ngeendlela ezahlukeneyo.

Ezinye iintswela-kuqiqa zithi umzi uyaphela xa izintombi zodwa emzini. Thina Bantu asinamzi ugqitywa kukuzalwa kweentombi zodwa.

Akukhathaliseki nokuba zithi zende zonke na ezo ntombi, thina Bantu sinamasiko okulimisa ikokwazo.

Ukufundiswa komntwana oyinkwenkwe ukuma umzi, kuba elungiselelwa ukuthatha ezinyaweni zikayise, akuthethi ukuba kuza kubanjalo ngenene. Emzini umntu ngamnye unomsebenzi nezinto ezilunge kuye, ngokwahlukileyo kwabanye. Sibakhulisa kwangolo hlobo ke nabantwana bethu. Ngamnye simlungiselela umsebenzi wakhe ngokwaseNdalweni kaMdali.

Zisweli kuqonda ndini; anazi na ukuba ukufundiswa kwentombi ubuntombi nobufazi (ukuthomba) kukuyifundisa ukumiwa komzi libhinqa?

Ukuba nicinga amaXhosa akazi ukuba uyemiwa umzi libhinqa niphukanekile! EsiXhoseni umzi uyemiwa libhinqa, kunjalo nje akungoku kwabanjalo. Asizukuyifundiswa nini ke loo nto ngendlela yenu enxaxhileyo bantu ndini bonxaxho!

Kusendalweni yomzali ukuba esizalweni sakhe anqwenele oyintombi noyinkwenkwe, kuba leyo yindalo yokuhlala komntu emhlabeni.

Kuhlaliwa ngazibini emhlabeni, oyindoda noyinkazana. Nasezizalweni zethu asikholani nonxaxho kuleyo ndalo, enokuba lungokukaMdali na.

Sidaliwe ukuba ilizwe sililungiselele ngohlobo lwalo, kusakungabi njalo siyaxhalaba.

Nqwa nomntu oliliswa kukungazali engazi ukuba usindiswa kwisibethi-yise nesibethi-nina esisesizalweni sakhe. Baninzi abathuthunjiswa zizizalo zabo. Wamusa ke wena ulilayo! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba