NgoMgqibelo umhla wama-27 kule yeThupha, kuzakubanjwa uMrs Worldwide International 2017, phaya eD’Resort kwilizwekazi laseSingapore.
Ukanti nathi apha eMzantsi Afrika sinalo igqiyazana laseBhofolo eliphaya ngoku.
Emva kweeyure ezilishumi kwinqwelo-moya eya eSingapore, naye uNoni Mbete ude wabe uyafika kwela lizwe. UMbete nguMrs Africa 2017 kwaye uyokumela iAfrika yonke kolu khuphiswano lwabafazi babantu.
NgoMgqibelo uvalelise kubantwana bakhe ababini – uMbali noAmile – nomyeni uZukile Mbete, eBhayi phambi kokuqala eRhawutini abambe elandelayo inqwelo-moya eya eSingapore.
Siye satsibela kwakhe kule veki iphelileyo, phambi kokuba abheke phesheya.
I’solezwe: Molo MamBhele! Gqaba-gqaba uziva njani ngalo Mrs Worldwide uya kuye?
Noni: Yimincili yodwa! Lithuba elikhulu eli lokudibana nabantu bakwamanye amazwe – abafazi abathatha inxaxheba kulo nyaka basuka kumazwe angamashumi amabini anesixhenxe – kwaye nethuba lokubuya nale ndebe kaMrs Worldwide!
I’solezwe: Kakade kuye kuthini xa unguMrs Worldwide?
Noni: Xa uthe waphumelela uye ufumane izipho ngezipho kwaye uvulelwe neengcango zokwenza umsebenzi wesisa kwilizwe jikelele. Ukunceda abantu yinto apha esegazini kum.
I’solezwe: NjengoMrs Africa ungathi uzuze ntoni?
Noni: Ininzi, bendinenkqubo yam – Resolute Women Campaign – enceda abafundi, ingakumbi abangamantombazana. Bendihamba ndityelela izikolo neelokishi ndithetha namantombazana.
I’solezwe: Uthetha ntoni nawo?
Noni: Ngezinto ezifana nokungaxhomekeki emadodeni, nokuzimela njengamantombazana. Kulula ukuthetha ngezi zinto kodwa amantombazana kufuneka abe nemizekelo ephilayo yamanina azimeleyo. Kufuneka amantombazana azi ngamathuba abanawo kweli lizwe.
I’solezwe: Siyakuva. Uziva njani ngoMgqibelo lo siya kuwo? Uzakuphumelela?
Noni: Hahaha! Wena, ucinga ntoni!?
Siliphepha simnqwenela konke okuhle uMrs Africa wethu waseBhayi!
Ngethemba lokuba uyakubuya enguMrs Worldwide International 2017 kule veki izayo!
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!