Intombi yaseGcuwa iza kuchitha iinyanga ezine elwandle

Liyafezeka iphupha lentwazana yaseGcuwa lokuba ngumsebenzi ezinqanaweni nakumkhosi wasemanzini.

ULelethu Mtuzula (20) yintwazana yaseVuli Valley, eGcuwa, nekuphela kwayo yeli laseMpuma Koloni ekwiqela lolutsha olungamashumi amabini oluphuma kumaphondo ngamaphondo, olusanda kuphuma esikolweni nolutyunjelwe ukuba luyokufunda ngezasemanzini nabanduluke ngenqanawa, iAgulhas ngeCawa, beza kucanda amazwe ngamazwe iinyanga ezine.

Olu hambo luququzelelwa liziko elibizwa ngokuba yiSouth African Maritime Training Academy (SAMTRA) elihlohla izifundo ngezeelwandle nezinto zakhona.

Uxelele intatheli yeli phephandaba esithi ibisoloko ingumnqweno wakhe ukuba afundele ukuba ngumatiloshe okanye asebenze ezinqanaweni njengenjineli okanye inzululwazi, esithi eli thuba liya kumvulela amanye amaninzi nanjengoko sele ethenjisiwe nangebhasari nguSAMTRA yokuya kufundela izifundo ngemicimbi yangaphantsi nangaphezu kolwandle eyunivesithi.

Ukhuthaze ulutsha esithi malubambelele esikolweni lunganikezeli ngenxa yeemeko zasemakhaya, esithi ukunyamezela kulapho impumelelo ikhoyo.

USobantu Tilayi oyingqonyela yearhente esebenza ngezokhuseleko kweezelwandle iSouth African Maritime Safety Authority (SAMSA) yena uthe ukuphumelela kwabo kwezi zifundo kuya kubenzela lula bafumane nemisebenzi njengabaphandi nabakhandi, esithi inqanawa iAgulhas inazo zonke izixhobo zokufundisa.

UFarhana Ismail weFBI Communications esebenza nenkampani eququzelela olu hambo nezi zifundo uthe olu lutsha ngabantwana abangaphumelelanga emagqabini kwiimviwo zabo zematriki, bengakhange baya naseyunivesithi.

Uthe uLelethu ngoyena mncinci kubo bonke kwaye uphumelele ibanga lematriki kulo nyaka uphelileyo.

“Bonke bayaqala ukukhwela inqanawa, beqala nokutyhutyha iilwandle ngayo. Le yindlela yethu esizama ngayo ukwehlisa izinga lentswelamsebenzi elutsheni,” utshilo.

Uhambise wathi baya kufundiswa yonke into kolo hambo kungekho nto baza kuyitsiba.