Intsangu, iiPlayStation, oomabonakude, zezinye zezinto ezifunyenwe kugqogqo lwentolongo

Izinto ezithinjwe liSebe lezoLuleko kunye namapolisa ngexesha logqogqo. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo

Kuqhutywe ugqogqo kwintolongo yaseGoli ngobusuku bangoLwesithathu nalapho kuthinjwe izinto ezifana nemali, intsangu, iifowuni, iirotha zeWiFi, iPlayStation noomabonakude kumabanjwa.

Amabanjwa akwintolongo eyaziwa ngokuba yiSun City akhutshelwe ngaphandle kwezisele zawo aza agqogqwa ngokucokisekileyo.

Iphulo langoLwesithathu ebusuku lamagosa eSebe lezoLuleko kunye namapolisa liqhutywe kwindawo yentolongo enamabanjwa abangabeki umngcipheko omkhulu kubasebenzi nakuluntu.

Izinto ezithinjwe liSebe lezoLuleko kunye namapolisa ngexesha logqogqo. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo

Umkomishinala weeNkonzo zoLuleko kuzwelonke, uMakgothi Thobakgale uthi onke amabanjwa afunyenwe enezinto ezingekho mthethweni azakujongana nomthetho.

UThobakgale uthi sele kuphele iinyanga ezintathu beqhuba eli phulo kumaziko ohlukeneyo oluleko.

“Ezi ziintolongo esizichongileyo ngokweenkcukacha esithe sakwazi ukuziqinisekisa. Ngokwenene sikhangela izinto ezingekho mthethweni ekungavumelekanga ukuba zigcinwe ngamabanjwa,” utshilo uThobakgale.

Izinto ezithinjwe liSebe lezoLuleko kunye namapolisa ngexesha logqogqo. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo

Kutshanje iividiyo zamabanjwa zisasazeke kumakhasi onxibelelwano ebonisa ubomi obutofotofo entolongweni. Indoda yaseZimbabwe evalelwe kwintolongo yaseNtshona Koloni ebiqhayisa ngokungasokoli entolongweni, isiwe kwintolongo yokhuseleko oluphezulu kulandela ividiyo ayipapashe kwikhasi lakhe likaTikTok. Le vidiyo yabangela ukuba intolongo igqogqwe kwiveki ephelileyo, kwaye kuthiwa izakuvela enkundleni kungekudala ngamatyala ajongene nawo.

Izinto ezithinjwe liSebe lezoLuleko kunye namapolisa ngexesha logqogqo. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo