Intsebenziswano ekulweni ubuqhophololo

Umbutho we-ANC eMpuma Koloni uthi uyayamkela intsebenziswano ephakathi korhulumente wephondo kwakunye nebutho lophando iiHawks.

Urhulumente wephondo, ngokukhokelwa yiNkulumbuso uPhumulo Masualle, ekunye neeHawks basungule le ntsebenziswano yokulwa ubuqhophololo nobuqhetseba kumagosa ephondo.

Oku kwenziwe ngosuku lwehlabathi lokulwa nobuqhophololo (International Anti-Corruption Day) eKomani ngoLwesithathu. Unobhala we-ANC ephondweni * -Oscar Mabuyane uthi, bakholelwa ukuba le ntsebenziswano iyakudlala indima ebalulekileyo ekulweni ubuqhophololo nobuqhetseba kwiphondo.

“Xa silwa nobuqhophololo, oko kuthetha ukuba imali karhulumente iyakuya apho kufanele iye khona,” utsho uMabuyane.