Intsinda-badala yomhlaba: Uyakuwufumana sele uve shu!

Xa sifikelela ekuyisongeni le nyanga yokubhiyozela izwekazi leAfrika, inyanga yokuzingca ngeAfrika njengamaAfrika, inyanga yokuhlonipha nokucamagushela imigomo emihle eyavela eAddis Ababa mhla kwasungulwa uMbutho weMbumba yamaAfrika (Organisation of African Unity) kulaa mnyaka ka1963, kuthi qatha engqondweni yam iziphakamiso nemigomo eyadandalaziswa ziinkokheli zeAfrika mhla kwasekwa lo mbutho.

Phakathi kweenjongo eziphambili nemigomo yalo mbutho, owona mgomo kwakugxininiswa kuwo ngulowo umalunga nomhlaba.

Kaloku mhla amakoloniyali afika kweli lizwekazi leAfrika, afika enenjongo yokulawula ngegqudu amaAfrika kwizwekazi lawo, injongo ikukwandisa oovimba bawo loo mazwe asentshona ngobutyebi baseAfrika, kuquka nokuzinzisa uqoqosho lwawo ngokuthi kuhluthwe kuze kwabelwane kuqala ngobutyebi bethu maAfrika, kuqwelwe ngokuthathwa komhlaba wethu siphele siziimbacu, iimpula zikaLujaca ezingenandawo yakuhlala kwizwekazi esalishiyelwa ngookhokho bethu.

Ngaphandle komhlaba maAfrika kuphelile ngathi! Xa singengobanini bomhlaba maAfrika asinabango kwizwe lakowethu, asinagunya lokuzingomba izifuba nangezwekazi eli lethu. Mhla iinkokheli zeAfrika zaseka iOAU ngo1963, umgomo malunga nomhlaba wawukhuthaza ukuba umhlaba ube ngowesizwe, kungabi lula ukuba kuthengiselwane ngawo, kuba ixabiso lemali alinakuze lithelekiswe nexabiso lomhlaba.

Kutsha nje ubawo uZizi, uThabo Mbeki namanye amaqhawe eAfrika afana noThomas Yayi Boni, uMuammar Gaddafi, uRobert Mugabe nabanye, baye bazivuselela ngakumbi iinjongo ezazidandalaziswe mhla kwasekwa iOAU ngokuthi bavuse iAfrican Union, iMbumba yamazwe aseAfrika. Nalapha kule Mbumba ivuselelwe kutsha nje, umba womhlaba ubekwa kweyona ndawo iphambili, kuba ngokwale mbumba, ukubuyiselwa kwemihlaba kubaniniwo yeyona nto ingundoqo.

Isizathu sokuba nakule Mbumba yamaAfrika isanda kuvuselelelwa kugxniniswe kumba womhlaba, kungokuba nezi zanamhlanje iinkokheli zeAfrika, zibona ngokucacileyo ukuba amaAfrika asafana nabahambeli kwizwekazi lawo, amaAfrika asangcucalaza emikhukhwini, ematyholweni nakwimibhobho yamanzi ezidolophini, kuba awakabi namhlaba nanamhlanje ngoku ekwizwekazi lawo.

Khawukhe uzame ngenye imini mAfrika ukuya kuthenga umhlaba okanye indlu, nokuba kusedolophini okanye kusemaphandleni apha kweli lizwe lethu loMzantsi Afrika. Ndiyakuthembisa kwaye ndiyakuqinisekisa ukuba uya kuthi uwufumana loo mhlaba okanye uya kuthi uyinikwa loo ndlu, ube sele ubile xhopho, waphelelwa nangamandla, kungenjalo uwufumane loo mhlaba okanye loo ndlu sele uve shu!

Isicelo sokufumana indlu okanye umhlaba eMzantsi Afrika sihamba nokugocwa-gocwa kwenkcitho yakho ngokwasezimalini, kuphandwe nzulu ngomsebenzi owenzayo, imali oyamkelayo, amatyala onawo nowakhe wanawo ngaphambili, isicelo sakho singene siphuma kwiibhanki ezinkulu, bhanki ezo uninzi lwazo zilawulwa ngoondlu-nkulu abakumazwe aphesheya, uze emva koko ungene uphuma kwimizi yamagqwetha omhlaba okanye amagqwetha esivumelwano sokuba ngumnini-ndlu, nawo uninzi lwawo ingabantu basemzini, ingakumbi ezidolophini. Xa kunje ke maAfrika, ingaba ngenene singazingomba izifuba, sixhentsele etshatshalazeni siqhayise ngokuba eli zwekazi lelethu, sibe singenalo ncam ulawulo lobutyebi balo noqoqosho lwalo.

Bambelela ungothuki ndikutyele iindaba mAfrika! Uyayazi ukuba kwizwekazi lethu oosozimali abalawula ngobukapitali (ubungxowa-nkulu), ukogqitha ubusoshiyali (ubudlela-ndawonye), aboyiki ukusintlokothisa ematyaleni amakhulu ukuze kungabilula kuthi ukuthenga izindlu nemihlaba, koko sithenge izinto ezingenaxabiso lisisigxina, neziza kusenza sihlale sixhomekeke kwimivuzo, okugqitha ukuziphilela, ukusebenza imihlaba yethu, kungenjalo sijonge kwaye sikhulise ubutyebi bethu ngemfuyo nolimo?

Tyhini! Sazi sonke ukuba kule mihla ukuba ungaya nakuwuphi na umzi othengisa iimoto, mhlawumbi ube nomdla kwimoto exabisa malunga neR400 000, ukujongwa kwezinga lokufikelela kwakho ekufumaneni loo moto kuthatha iiyure nje ezimbalwa, kungenjalo kuthathe usuku olunye, uve ngosuku olulandelayo sele ubizwa, kusithiwa khawuleza uze kuthatha izitshixo zemoto yakho, sele ibhaliswe ngegama lakho, uqhube uhambe, uqalise ukuhlawula izavenge kwinyanga elandelayo.

Yiya emhlabeni nasendliwni ke ngoku, ubuncinci uya kuthatha iinyanga ezintathu ukuze usifumane isitshixo sokuvula indlu engumnqweno wakho nelibhongo lakho, ngoku seyixabisa ngaphantsi kwaloo moto.

Ukuba unethamsanqa, uya kuthatha unyaka onesiqhuma phambi kokuba ufumane iphepha-mvume elithi nto kaNantsi, ntombi kaZibaningeshe, nanku umhlaba wakho, ukusukela namhlanje ungumnini womhlaba okanye indlu kwizwekazi lakowenu.

Umbuzo ulula nanku, ukuba ama-Afrika aphila ubomi boncuthu noyolo kwizwekazi lawo iAfrika, kutheni kulula kuwo ukuthengiselwa okanye anikwe imoto, kunokuba athengiselwe okanye anikwe umhlaba?

Ncedani maAfrika, nceda rhulumente wethu, rhulumente wesininzi, uyiqwalasele le meko kuba kuzanywe iindlela zokuba kwizwekazi lethu iAfrika, kungabi lula ukuthengisela abantu bamazwe aseNtshona umhlaba, kuba beqhayisa ngemali yabo egcwalisa izitya, koko umhlaba ube lilifa lamaAfrika kwizwekazi lawo!

MaAfrika, ngaphandle komhlaba, sakuhlala sixhomekeke kwabanye abantu ubomi bethu bonke!