Intwazana (4) ibulewe ze yaxhonywa!

Nangona nje sele sithe gabhu kwiintsuku ezilishumi elinesithandathu ezibekelwe bucala ukulwa ubundlobongela kumakhosikazi kwakunye nabantwana, i16 Days of Activism, ezo ziganeko zinqandwayo azimanga.

Oku kulandela emva kokuba intwazana eneminyaka emine kuphela ithe yabhubha kabuhlungu yaze yabhaqwa ijinga kumnyango wendlu yangasese kowayo sele ibhubhile, kwaye inemikrwelo yokugruzuka emzimbeni.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni, oku kwenzeke kwilokishi iLessyton kuKomani ngempelaveki.

Amapolisa abongoza uluntu lwala mmandla ekubeni luncedisane nawo ekubhaqweni komenzi wesi sehlo.

NgoMvulo kuye kwabanjwa imbizo kule lokishi ngamapolisa kwakunye noluntu nalapho belufundiswa nge16 Days Of Activism.

Lowo unokuba nolwazi malunga nesi sehlo uyabongozwa ukuba atsalele kwisikhululo sakuKomani okanye atyelele khona igama lakhe liyakukhuseleka.

Kusenjalo, indoda enamashumi amabini anesithoba ubudala yakuCentane ithe yabulala ngokungenalusini umfazi wayo onamashumi amabini anesihlanu. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sala mmandla uKapteni Jackson Manatha ithi, esi sehlo senzeke kwikhaya lesi sibini nekungaziwayo oyena nobangela wokuba bade babulalane kwaye kungaziwa nokuba bebebodwa kusinina ngethuba umyeni ehlasela umfazi wakhe.

Esi sehlo senzeke kwilali yakuVuso eQoboqobo kuCentane ngempelaveki. Igama lenkosikazi ebuleweyo nguNonkoliso Nanku.

UMkomishinala wamaPolisa kwiphondo leMpuma Koloni uNjengele Liziwe Ntshinga ushiyeke ebambe ongezantsi malunga nezi ziganeko ingakumbi ngeli xesha.

Uthi indoda ekufanele ukuba ikhusela inkosikazi yayo ibe yeyona yenza ububi kuyo, oko akwamkelekanga.

UNtshinga usikhalimele esi senzo sibi sokubulawa kukaNanku ingakumbi ngeli xesha lijongene nokuliwa kwezenzo zokuxhatshazwa kwabantwana kwakunye namanina.