Intwazana ebuleweyo ikhutshwe usana esiswini

Umakhulu kaAsemahle uBuyelwa Malila

Okona kube lisikizi nangakumbi xa bekubhaqwa imizimba yamalungu amathathu osapho abelahlekile ngempelaveki kummandla waseTsojana eTsomo, kungethuba kukhutshwa imveku esiswini nanjengoko umama wayo ebhubhe ekhulelwe.

Umama womntwana oneshumi elinesixhenxe ubudala ngethuba beduka ebekufutshane ukuba abeleke nanjengoko ebesele eneenyanga ezisibhozo ekhulelwe, ngokokutsho kwesithethi sosapho uKhayeni Malila.

Konke oku kuza emva kwesithwakumbe sokuduka komakhulu onamashumi asixhenxe ananye ubudala ogama linguBuyelwa Malila, umzukulwana wakhe uAsemahle Mtsorha kwakunye nomhlobo kaAsemahle okwangumakhelwane wabo uAthi Zondi.

Esi sithathu saduka ngeCawa kwiveki ephelileyo emva kokutyelela kwevantyi yamapolisa kwikhaya lakwaMalila ngethuba abecuphi beyokwenza uphando lwabo malunga netyala elalifakwe lelinye lamaxhoba abuleweyo elokuba lidlwengulwa ngumalume wabo.

Ingxelo ithi emva kokumka kwevantyi umalume wachwechwa wangena endlini nalapho wafika wangcambazisa wonke umntu owayengaphakathi ekubeni amapolisa ebezokwenzani. Amalungu yabakukugqityelwa kwawo ukubonwa. Umalume lo nonamashumi amane anesithathu ubudala useselugcinweni lamapolisa eTsomo malunga nezityholo zokudlwengula abatshana bakhe.

Ngokwengxelo ephuma kuMalila, isithethi sosapho, imizimba le iye yabhaqwa ngumelusi wemfuyo sele idada kumlambo iMhlahlane River kwaye sele bebhubhile besabotshelelwe ngamatsheyina.

Ezi ntsapho sele zingcwatyiwe ngoLwesibini kuba imizimba yabo ibisele yonakele, ingenakuba sagcinwa nayimizi yabangcwabi.

“Silikhaya sibone ukuba masiyiqhusheke ngokukhawuleza imizimba kuba ibisele ikwimeko embi kakhulu kuba ibisele izintsuku bebhubhile. Imveku siyiqhusheke ezinyaweni kunina wayo,” utshilo uMalila.

Uthi basacele inkxaso kuMasipala wala mmandla ekubeni abancedise kwinkonzo yomngcwabo wala maxhoba kuba ngamaxhoba angathathi ntweni naxhomekeke kwigranti.

UCeba obambeleyo kula mmandla, uNosweet Dube, ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi noko kudala zisenzeka izinto ezibuhlungu zokubulawa kwabantu eTsojana, kodwa enje ayizange yabakhona. Uthi esi sehlo sibothusile kwaye sishiye uluntu lunxunguphele.

UMalila uthi belusapho nabo kubaxhelile oku, nathi okumxhela nangakumbi kukuba le nto yenzeke xa kanye ilixesha leentsuku ezilwa ubundlobongela koomama nasebantwaneni.

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko ephondweni, uWeziwe Tikana-Gxothiwe, ekunye negqiza lakhe kwiANC, batyelele kweli khaya ngoMvulo ngenjongo zokulilisana nabo. Amapolisa avule ityala ebongoza lowo unokuthi abenolwazi eze ngaphambili.