Intwazana ena-4 icholwe sele ibanda!

KAPA: Luthi lusazibuza imibuzo engenamphenduli usapho
lwentwazana eneminyaka emine ubudala yaseMakhaza eKhayelitsha.

Umzimba kaUyathandwa Stuurman ufunyenwe kude kufuphi nekhaya lakhe ngasemgxobhozweni
kwisithuba seeyure ezintathu emva kokuba echazwe njengolahlekileyo. 

Umakhulu
wale ntwazana, uZanele Mafenyana, uthi kunzima ukwamkela indlela abulewe ngayo
uUya.

“Asiyazi ukuba umntu owenze le nto ebecinga ntoni, ebengumntwana omncinci
okhulayo, besimbukele ethandwa ngumntu wonke apha endlini. Yena ebezithandela
kakhulu utata wakhe notamkhulu wakhe kwicala lakulotata, kuba ixesha elininzi
ukhulele khona. Kungokunje asiyazi ukuba siza kudibanisa ntoni entweni kuba
bobabini abazali bakhe abasebenzi, oyena mntu obedlala indima ngezimali
ngutamkhulu. Sicela uncedo nakubani na ongasinceda ukuze singcwabe umntwana
ngendlela efanelekileyo.”

U-Uyathandwa ugqityelwe ukubonwa esuka kunina esiya
kwatamkhulu kwaye akunguwo umgama omde ukuya khona. Usapho luthi lothukile
ukuva ukuba akayanga kufika kwatamkhulu kwaqaliswa ukukhangelwa. 

Iingxelo zidiza
ukuba umfana oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala usinde
ngokufika kwamapolisa ezandleni zabahlali abebefuna ukumbulala bemtyhola
ngokudlwengula abulale le ntwazana. Amahamba nandlela athi umrhanelwa lo uboniwe
eqhuba umgqomo wenkukuma waya kuwukhuphela kwindawo ofunyenwe kuyo umzimba kaUyathandwa.

Umhlali ongafunanga kudizwa ngagama uxelele I’ solezwe: “Ngethuba kukhangelwa umntwana udade womrhanelwa umbone ezama ukuhlamba umgqomo
wenkukuma neempahla ebezinxibile waze wabona ukuba kukho igazi kuzo wabuza
ukuba kutheni enegazi kwabe kukhangelwa umntwana. Umrhanelwa uye waphendula
exelela udade wabo ukuba umbulele umntwana kwaye undawoni umzimba wakhe, ngoko
nangoko uye kuxelela usapho lukaUya. 

“Usapho kunye nabahlali baye ngomsindo
kwikhaya lomrhanelwa wabethwa ke, kodwa unina uye wabiza amapolisa akhawuleza
afika wabe uyasinda ngolo hlobo”.

USomlomo wamaPolisa ephondweni uSajini Noloyiso Rwexana
uthi: “Siyazikhalimela kakhulu iziganeko zokuphathwa gadalala kwabantwana namanina,
sibongoza abazali ukuba bahlale bebazi ukuba baphi abantwana ngawo wonke umzuzu, kwaye kungalindwa ixesha elide xa umntwana engabonwa. Uza kuhlala eluvalelweni de
avele enkundleni umrhanelwa obanjiweyo.”