Intwazana ibhaqwe

nompu

Kubanjwe intwazana enamashumi amabini eminyaka ubudala inompu ongenampepha-mvume kudederhu lweevenkile iFingoland eGcuwa ilanga lihlabe umhlaba ngoMvulo.

UKhapteni Jackson Manatha othethela amapolisa aseGcuwa neziphaluka uthi lompu ubhaqwe unembumbulu ezintathu. Oku kwenzeke ngethuba amapolisa ebesenza ugqogqo koludederhu.

“Umpu lo ubhaqwe kwibhegi yalentwazana. Le ntwazana yeyelokishi iCuba eGcuwa,” utshilo uManatha.

UManatha uthi, bazakuwenza umsebenzi wabo ngokuthi baphande oyena mnikazi wompu lo kwaye uzakuthunyelwa kwindawo yokuhlola kwanokuvavanya ekubeni awukhange wenze lwaphulo mthetho na kummandla kwakunye neziphaluka zaseGcuwa.

Le ntwazana ijongene nezityholo zokubanompu ongenazimpepha kwakunye nokuba neembuumbulu. Uyavela ngalentsana ezinkundleni zamatyala eGcuwa.

Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadiya Stanley Sibidla ubaqhwabele izandla oogxa bakhe nabaye baqinisekisa ukuba imipu engekho semthethweni kuluntu laseGcuwa iyoxuthwa.

“Lo mpu ubunokwenza ubungozi wonzakalise abantu abamsulwa abangenzanganto,” utshilo uSibidla.