Intwazana ihlabe yabulala isinqanda-mathe sayo

Kubanjwe intwazana eneshumi elinesithoba eDutywa malunga nezityholo zokuhlaba ibulale indoda encuma nayo enamashumi amabini ananye eminyaka.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi lo mfana uhlatywe wabhubha kwilali yaseZundwane ngempela veki.

UManatha uthi, baye bafumana ulwazi kutata wexhoba esithi yile ntwazana incuma nonyana wayo le ithe yambulala. Ityala lokubulala liye lavulwa, nentwazana iye yabanjwa ngamapolisa aseDutywa.

Le ntwazana negama layo inguNosiviwo Sibango ibivele kwiinkundla zamatyala aseDutywa kwaye kulindeleke ukuba iphinde ibuyele kwakhona ezinkundleni ngomso kusasa ukuyokufaka isicelo sebheyile.

Igama lomfi nguXolani Mnyaka.