Intwazana yakuTsolo icela ungenelelo

U-Isasiphinkosi Mdingi ngethuba ewongelwa ukubayinkokheli esentsha ethembisayo

Emva kokubona indlela ekwenziwa ngayo izinto kumabanga aphantsi kwilizwe laseChina apho afunda khona, uIsasiphinkosi Mdingi, 25, welali yakuNgcele, kuTsolo, uye warhanela ukuba into eyenza imfundo yeli lethu ilizwe isilele kukungabikho kwezixhobo zemfundo eyongezelelweyo, kulapho atsho waqala iphulo lokuqokelela imidlalo yebhodi efundisayo encedisana nabanye abemi beli abafunda izifundo eziphakamileyo kwilizwe elo laseChina.

Uthi uye wancedisana nabanye abemi beli abafunda kwilizwe laseChina beqokelela imidlalo yebhodi efundisayo eli13, mdlalo ngamnye ukho kasibhozo, enombono wokuba xa ebuyela apha eMzantsi Afrika uzokuphisa ngazo ezikolweni ezisezilalini kodwa ngoku ingangenzeki le nto ngokuba akanayo imali yokuzisa iibhokisi eziqulathe lemidlalo efundisayo esebhodini apha eMzantsi Afrika.

“Ndiyiqokelele imidlalo yebhodi kodwa umcelimngeni endijongene nawo kukuhambisa le midlalo ndiyizise eMzantsi Afrika ngokuba umthwalo lo uzikhilogrem (kg) ezili120 kwaye uxabisa imali eyi-R7500 kuquka nezinye iindleko zokukhupha izinto kwilizwe laseChina,” utsho uMdingi.

Uthi ngenxa yokuswela le mali kuzonyanzeleka eyishiyile imidlalo leyo ayiqokeleleyo okanye anikezele ngayo kwamanye amazwe angazufuna ndleko ngokuba akanalo elinye icebo yena ngoku.

“Ndizamile ukuthetha nabantu endicinga bangandinika uncedo kodwa akude kubekho mntu ondincedayo, andisayazi into emandiyenze ngoku.

“Le midlalo ingenza umohluko omkhulu kubafundi bamabanga aphantsi kwizikolo zasezilalini. Ndinesicelo kumntu okanye abantu abonokwazi ukundinceda ukuba bancedise ngendlela yokuzisa le midlalo eMzantsi Afrika,” utsho uMdingi ebongoza abahlali.

Le ntwazana efundela ukuphatha nokuphucula ikharityhulam yezemfundo kwiyunivesithi yaseBeijing ilindele ukubuyela apha eMzantsi Afrika kwiiveki ezimbini ezizayo nalapho ibinqwenela nabani na onecebo lokuyincedisa ayincede.

Umntu onokwazi ukunceda angaqhakamshelana noIsasiphinkosi Mdingi kumaqonga onxibelelwano afana noTwitter, LinkedIn okanye nge imeyile. Email: endinakokulungile@gmail.com Twitter: @Endinakokulue LinkedIn: Isasiphinkosi Mdingi