Lithi uOmotoso wayeliquqaquqisa egumbini lakhe lokulala ngeenjongo zokulenza izinto ezimdaka ingqina lokuqala kwityala lomfundisi ongundabamlomnyeni nongummi welizwe laseNigeria.
UAndisiwe Dike, 30, oyinzalelwane yaseNgqushwa ezinze eMonti, lingqina lokuqala ukutyibela uMfundisi uTimothy Omotoso, 59, nokwangumseki webandla elaziwa ngokuba yiJesus Dominion International (JDI) ngezityholo zokungcola, ngokuthi angqengqise ngomqolo abantwana abangamantombazana abaselula ngeminyaka nawayengamalungu eli bandla.
Le nzwakazi ibibonakala ipholile ngexesha ibalisela iNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoMvulo, isithi yafika kwindlu yemishini yalo Mfundisi eseThekwini ngonyaka ka2006, uthi wafika apho kukho inqwaba yamanye amantombazana ayekwangamalungu ezizicokovana zikaOmotoso, watsho esithi phakathi kwaloo mantombazana ayengamashumi amathathu, ayemabini kuphela ayehamba isikolo.
Uthi babengakwazi nokusuza kukujanyelwa ngulo mfo ngethuba bekuloo ndlu, lo mfundisi ebajonge ngamehlo okhozi bengenakuphumela ngaphandle. Watsho esithi kwakusesihogweni, bengenakubethwa nangumoya ngaphandle kwemvume yakhe.
“Kwiintsuku ezimbini ndifikile apho wandibizela egumbini lakhe nalapho wandibuza isintsompothi ngobomi bam, wagqibela ngokundityhalela emandlalweni wakhe, wayendimanzisa ndibe mdaka indawo yonke. Ukwenzile oku amatyeli ngamatyeli akugqiba andisondeze kuye enze umthandazo awucaphule ebhayibhileni othi “Bawo baxolele”.
UDike uthe lo kaOmotoso ebezenzela emzimbeni wakhe, aphathe kumphathaphatha emabeleni, emenza isitshozi sakhe sokumphulula umzimba, wagqibela ngokuthi angamphulula ade ayokuma ngamalungu angasese.
“Besinyanzelekile nabanye ngokomthetho walapho ukuba rhoqo kusasa siyokumbulisa. Sakufika apho siguqe ngamadolo kuye ngethuba yena esangqengqe ngecala amandlalweni wakhe. Iimini ezi siyakuhlala sibukelane naye, ngamanye amaxesha aphose iilekese phezulu ze thina sixelise iinkawu sixhumela ezo lekese. Xa esemdleni wokuncokola sinyanzeleke ukuba sibe ngoomazinyo noonkebeza siyinyube nokuba ayikho, nokuba besingafuni. Izinto awayezenza kum ndazothuka kuba ndandimbeka ndimthembile, ezo zenzo zazindonyanyisa, zindoyikisa,” utshilo uDike.
Lo Mfundisi ujongene namatyala angamashumi alithoba anesine ezityholo zokuthimba nokwenza amanyala ebantwaneni abangamantombazana.
Umangalelwe kunye namanina amabini, uLusanda Sulani noZukiswa Sitho abatyholwa ngokuba ziziquququ zikaOmotoso ngethuba lokwehla kwezi zigigaba.
Eli ngqina lelokuqala kwinkundla exoxa eli tyala phambi koJaji Irma Schoeman. Ngaphambili le nkundla ibikhokelwa nguJaji Mandela Makaula, ingqina lokuqala kuye inguCheryl Zondi, lo ka Makaula waliwa ligqwetha likaOmotoso uPeter Dauberman waliyeka eli tyala, nelalityhola uMakaula ngokuba nesheyi ngakwingqina.
Ukuxoxwa kweli tyala kusaqhuba!
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala