Intwazana,4, itshone kwindlu yangasese esikolweni

UMZIMBA wentwazana eminyaka emine (4) ufunyenwe ngaphakathi kumngxunya wegumbi langasese esikolweni saseVaalbank eGlen Grey izolo.

Kuvakala ukuba umama wale ntwazana uthe yakungabuyi esikolweni ngoMvulo wavukela khona ngoLwesibini eyokubuzisa ngomntwana wakhe.

“Uphando lukhokelele ekubhaqweni komzimba walo mfundi kumngxunya wenye yendlu yangasese.

Amapolisa aye awufumana apho umzimba wakhe. Kusaphandwa ngokumayelana nesi sehlo. Amapolisa akwavule ityala,” kutsho uWarrant Officer Majola Nkohli.