INUM ityelele isikolo iBensile

UPathiswa Mandoyi wequmrhu lamanina kwiNum kwiMpuma Koloni. Inqununu uNosizwe Qongqo kunye noMzuvumile Ntenteni ongunobhala weNUM ephondweni leMpuma Koloni umfanekiso: Pamela Hlazo

UMFELA NDAwonye wabasebenzi basemgodini iNational Union of Mineworkers utyelele isikolo samabanga aphantsi iBensile eMthatha ngoMvulo.

Bathe banikezela ngempahla zesikolo kuquka nezixhobo zokufunda kubantwana abalishumi elinesithandathu.

OnguSekela-Nobhala kwiqumrhu lamanina eNUM, uPhathiswa Mandoyi, uthi baqhele ukunikezela ngeephedzi kodwa kweli ityeli babone ukuba mabanikezele ngomakufanwe (uniform) ukukhuthaza imfundo ngokuba ilizwe lidinga iinkokheli zangomso ezifundileyo.

Oyinqununu yesikolo iBensile, uNosizwe Qongqo, uthi imeko yesikolo ayiginyisi mathe, banomngeni wonqongophalo lwezindlu zokufundela, ezangasese kunye nocingo, ngoku abafundi abakhuselekanga.

Uthi esi sikolo asikakhiwa, sakhiwa ngabahlali, bangavuyela nezakhiwo zethutyana. Uqhube wathi ezi zipho zincedise kakhulu kubantwana abangathathi ntweni ngokuba bekungekho lula.

Ukanti uMzuvumile Ntenteni uthi eli phulo ayilelo kuqala kweli leMpuma Koloni, sele besuka nakooBhayi benikeza ngeethoyi zokudlala kubantwana abancinane.

Basaya nakwiindawo ezifana neBizana. Uqhuba athi umnqweno wabo kukuba kungabikho bantwana bashiya isikolo ngenxa yokuswela.