Molweni kwi-Isolezwe, sinengxaki singabahlali balapha eNgqushwa malunga nalo masipala kuthiwa yiNgqushwa Municipality; lo masipala wayeqesha kudala abantu basePeddie Extension ukuthi baselokishini kuphela, yachithwa lo nto yakubhaqwa.
Kwathiwa makumiwe ngelokishi ngoba ininzi ngaphakathi kulo masipala kuthe kwakungena umphathi omtsha nosodolophu waseNgquqwala kwaphinda kwamoshakala kwaqeshwa kwakhona abantu baselokishini abathathu nabaseNgquqwala abane, abakhaya bakasodolophu. Ziyaqhubekeka minyaka izinto ezirongo kulo masipala uphethwe ngamatrakayi nawo ayaqeshana. Mabaphangele phi abantu baseNqgushwa, kudala abahlali bemkhuza lo masipala waseNgqushwa. Umasipala waseNgqushwa uyafana nomasipala waseMnquma ngeCorruption, umahluko abantu baseMnquma abazifihli iinkohlakalo ezenziwa ngumasipala wabo, iNqgushwa Municipality uyawafihla amanyundululu akhe, soze alunge lo masipala esaphethwe ngabantu engengabo abaseNgqushwa. Lo masipala waseNgqushwa lilifa labantu bezinye iindawo ngakumbi amatrakayi kukokwawo. Anda minyaka le ayaqhesha kuba inyabile iANC yaseNgqushwa, ibuhlungu imeko yabantu baseNgqushwa, uMabuyane makancede asuse lo sodolophu waseQhugqwala kuyonakala ingakumbi kulo kumasipala.
– Umhlali, eNgqushwa
THUMELA EYAKHO ILETA, SIYIPAPASHE. THUMELA NGE-SMS
okanye ngoWHATSAPP
ku 063 743 9538
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo