Siphuma kwinyanga yeThupha neyiyinyanga yokuqaphela ubugorha nobuqhawe bamabhinqa kumzabalo wenkululeko yeli lizwe. Mininzi imicimbi ezinyasiweyo nezinto ezithethiweyo ngabantu ukuqaqambisa esi sici sesizwe. Nangona ndingemntu uzixabisileyo nje izici, kodwa andinyali ukuzothamela qelele okokhozi emboniselweni.
Khange ndibe nakuzibamba ngumsindo xa bendiphulaphule iindaba kunomathotholo ngenye imini kwinyanga yeThupha. Ndicatshukiswe ligosa eliphezulu looKhetshe elalihlomla ngokugetyengwa kosapho oluthile eRhawutini, kubulawa umama notata nonyana nomolokazana ngendlela engenalusini.
Ngaphezu komothuko endabanawo kukungcola okunjalo, ndothuke ndacham’ isichenene kukuva eli gosa lisithi bona bengooKhetshe bangenelele kuba bengena kuyinyamezela into yokubulawa kwabantu abhinqileyo ngenyanga yababhinqileyo.
Kowu madoda! Nithetha ukuba yeyona nto iphakamise i-ofisi yeli gosa leyo ukuba ingenelele kolu gebengo lubi kangaka? Kukuba kukho nabantu ababhinqileyo, oko kusenzeka ngenyanga yeThupha?
Kukuthini ukuthetha ngolo hlobo kwegosa eliphezulu kangaka nelinoxanduva lokulwa ulwaphulo-mtehtho kwisizwe esinezinga eliphezulu kangaka lobugebenga obenzeka imihla nezolo?
Oku kundikhumbuze imisadulo eyenziwa ngababhinqileyo ngokukhululwa komfo wodumo owayebekwa ityala lokubulala intokazi eyayilishweshwe lakhe. Eyona nto yayibekwa phambili neyayisisimbonono kule misadulo yayikukuba lo mfo ekhululwe ngenyanga yababhinqileyo, endingazi nokuba kwakuya kuba kulungile na ukukhululwa kwalo mfo xa oko kwakwenziwe nganyanga yimbi.
Ndise ndingazi nokuba aba bantu sukube bethetha ezi zinto sukube befikelwe bubuntwana ngenene na okanye sukube bezenzisa. Ndiyabhideka kukucinga kwabo!
Abantu ababhinqileyo babulawa yonke le mihla, neziganeko zokuxhatshazwa kwabo zixelwa mihla le. Akuke kube yinto elungileyo ukwehlelwa kwabo zezi zinto, enokuba kungaliphi na ixesha. Kuthi maXhosa indoda exhomana ngezigalo nomfazi sukube ibufincele emanyaleni ubudoda bayo, ingaseyo ndoda koko isisilo nje esingaziwa mngxuma.
Ukwenza ngathi ukuxhatshazwa nokuphathwa gadalala kwababhinqileyo yinto engamele kwenzeka nemele kuphakanyelwa ithintelwe ngenyanga yawo kuphela yinto nje yemfeketho endingaziyo ukuba ndingayifanisa nantoni na.
Isisithuko nesonyeliso! Ingaba angafa aphele athi nya amabhinqa ukuba ngenene singakuthintela ngokuthe nkqi ngenyanga yawo kuphela ukubulawa nokuxhatshazwa kwawo.
Umba wenyanga yababhinqileyo sisici njee sesizwe sokukhumbula ubuqhawe babo kwezopolitiko, sidityaniswe nobunye ke ubuqhawe bamabhinqa ngokubanzi. Asiyonto yakuqiniswa kwemithetho yokuphathwa kwawo kakuhle.
Ukuphathwa kwamabhinqa ngesidima yinto emiliseke ngokupheleleyo kwaye igadwe ngemithetho ehlala ihleli, hayi evuka ngenyanga yeThupha kuphela. Kukubakha ngentloko yecephe leti ababhinqileyo ukubantlokothisela ukukholelwa ziintetha ezinjengezi ndizibalisayo.
Abantu bepolitiki bayathanda ukuzenza abantwana kanye ngeli xesha bonganyelwe yimibimbi. Endaweni yokusebenzisa izici zabo ukomeleza nokuqinisa amava abo ezopolitiko base bakhethe ukubuyela ekucimeni amasele nasekudlaleni oonondlwana.
Ababhinqileyo bamele kuyiqapha ngeliso lokhozi into yokunga bayaphululwa kanti bayaxathulwa. Ukuthi i-ofisi yooKhetshe iphakanyiswe kukuba lubulewe ngenyanga yababhinqileyo olu sapho yimbudane ebingamele nakusasazwa iviwe ngabantu.
Ukuba ooKhetsha banako ukusuka bagxume ngathi bangcuthiwe mabakwenze oko ngalo lonke ixesha kusehla izehlo ezinjalo bangagxili kwimfeketho yokuba iyinyanga yamabhinqa.
Into yenyanga yamabhinqa yinto njee yokuwafekethisa nokuwenza azive buthathelwa ingqalelo ubuqhawe nobugorha bawo kweli lizwe. Ukuba isizwe sonke siphela sime ngxi, sithi ngazwi linye “wathinta abafazi wathinta imbokodo”!
Masingbethwa eluphondweni ngenyanga yeThupha kuphela ke ukukhusela isidima samabhinqa. Ukukhusela ibhinqa yindalo endodeni. Iintetha zobuhiba zona mazikhwelele. Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo