Kule nyanga yamaAfrika sikhumbula uvulindlela wePan Africanism uWB Du Bois.
UWilliam Edward Du Bois yinzalelwane yelizwe laseMelika engumntu omnyama, eyathi yazibalula ngokuzingca nokuthanda imvelaphi yobuAfrika.
Ngenxa yokuchubeka nokuzingca kwakhe ngokuba ngumAfrika, uDu Bois ukwazile ukuzoyisa iinzingo zengcinezelo yabantu abamnyama eMelika nesagqubayo emva kweminyaka engaphezu kwamashumi amahlanu wabhubhayo.
Xa umchaza ungathi nguye kanye unozala wePan Africanism Movement eyathi yakhokelela ekusekweni kweOrganisation of African Unity (OAU) nejike kamva yabizwa ngokuba yiAfrican Union (AU).
UDu Bois ububonise ubunganga nobukrelekrele bakhe koka1895 ngokuba yindoda yokuqala emnyama eyathweswa isidanga sobugqirha eHarvard.
Ngenxa yentlungu yokucinezelwa kwabantu abamnyama eMelika, waququzelela ukusekwa kweNational Association for Advancement of Coloured People (NAACP) ngo1909.
Ngenxa yemfundo yakhe ebehlala esilwela amalungelo abantu abamnyama eMelika, ebhala neencwadi namaphepha akhuthaza ukuzingca ngobuAfrika.
Ugrumbe nzulu ngembali yamakhoboka awawesuka eAfrika esiya kuxhatshazwa kumazwe aseAfrika.
Ezinye zeencwadi azibhalileyo ezimenzele igama ziquka leyo ithi “The Souls of Black Folk” – incwadi ebisetyenziswa ngokuthi acaphule kuyo amadoda amakhulu weli aquka uSteve Biko, Robert Mangaliso Sobukhwe noThabo Mbeki uyicaphule izihlandlo ezininzi le ncwadi.
Ngo1935 ubhale incwadi ethi Black Reconstruction ethe yamenzela udumo kwaneentshaba ngaxeshanye. Uququzelele inkomfa ezine zilandelelana ukusukela ngonyaka ka1936 kwiinzame zokumiselwa komthetho omanyanisa iinkokheli namazwe aseAfrika.
Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule kaCanzibe 1963 wayeyinxalenye yokusungulwa kweOAU eAddis Ababa. Kwintetho nemfundiso zakhe uDu Bois uthetha ngeAfrika enye emanyene phantsi kolawulo olunye, kodwa iOAU ize nombono wokuba amazwe azimele exhasana.
Ngenxa yokuzingca nokuthanda kwakhe ilizwekazi laseAfrika, uDu Bois walincama ilizwe laseMelika waza kubhubhela eAccra eGhana ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yeThupha 1963.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF