Ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka1963 iinkokeli zamazwe aseAfrika ezaziphuma kumazwe akumashumi amathathu anesibini zadibana eAddis Ababa eTopiya. Kule ndibano ezi nkokheli zazikhangela indlela yokumanyanisa amazwe aseAfrika ukuze kuqhutyelwe phambili uphuhliso labantu baseAfrika ngokubanzi. Iziphumo zalo ndibano yaba kukusekwa kombutho wembumba yamazwe aseAfrika iOrganisation of African Unity phantsi kwesikhokelo somongameli welizwe laseGhana uKwame Nkrumah. Konke oku kusemva kokuba amazwe alishumi elinesixhenxe elizwekazi laseAfrika ayesandula ukufumana inkululeko yawo phakathi konyaka ka1958 no1963.
Ukusukela ngonyaka ka1963 ngamazwe aseAfrika akumashumi amabini ananye athe azimanya nalo mbutho. Ilizwe loMzantsi Afrika lalisoloko lingekho kulo mbutho ngenxa yokuba kwakulawula urhulumente wobandlululo kweli.Ngonyaka ka1994 ilizwe loMzantsi Afrika alizange lichithe xesha ukuzimanya nalo mbutho kuba lalifuna ukuzibonakalisa ukuba liyinxalenye yeAfrika emanyeneyo. Ngenxa yefuthe lelizwe loMzantsi Afrika kulo mbutho yatshintsha indlela osebenza ngayo lo mbutho usenziwa ukuba uhambelane namaxesha. Oku konke kwakhokelela ekumiselweni kombutho iAfrican Union kuba ingxaki nemicelimngeni yalo mbutho yatshintsha ngokwamaxesha. I-AU yamiselwa ngokusemthethweni ngonyaka ka2002 eDurban kweli loMzantsi Afrika, kuvuselelwa imbono neenjongo zeOAU phantsi kweli gama litsha lithi AU.
Ukumiselwa kwalo mbutho kwavuselela amandla eenkokeli zaseAfrika, zatsho zakwazi ukumanyana zikhuselana kungenelelo lamazwe angaphandle. Umzekelo ophileleyo woku ngumongameli welizwe laseZimbabwe uRobert Mugabe, ongusihlalo walo mbutho ngoku. Amazwe aseNtshona afana neBritane ayememelela ukuba asuswe lo kaMugabe enyanzelisa amazwe afana noMzantsi Afrika ukuba enze into ebonakalayo ukususa uMugabe. Undlunkulu walo mbutho usahlala eAddis Ababa eTopiya, kwaye iinkqubo zawo zisaqhubeka ukuqinisekisa ukuba ayaphuhla amazwe aseAfrika. Ugqirha Nkosazana Dlamini Zuma nguye ongusihlalo wekomishoni ejongene nolawulo lemihla ngemihla kulo mbutho.
Usihlalo walo mbutho ophetheyo ngoku ugqirha Robert Mugabe uzakuba esenza intetho ephambili kwiyunivesithi yaseFort Hare ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga. La yunivesithi ibhiyozela iminyaka elikhulu yasekwayo, uMugabe ufunde kwela ziko ekunye noNelson Mandela, nabanye.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung