Inyathelo leWSU lokuyila ichiza lokugonyela iCovid-19

IYunivesithi iWalter Sisulu, eshunqulelwa njengeWSU, ibhengeze ukuba ikwintsebenziswano namaziko eli lizwe kwanawakwihlabathi liphela ukuyila ichiza lokugonyela iCovid-19.

Oku kubhengezwe yingqonyela yaseWSU, uNjingalwazi Rushiella Songca ngethuba lomsitho wokubhiyozela iminyaka engamashumi amathathu anesithandathu lasekwayo icandelo lezifundo zobugqirha eWSU. Ngethuba kusekwa eli candelo, le yunivesithi yayisaya kwaziwa njengeYunivesithi yaseTranskei (Unitra) eyatshintsha ngo2005 yayiWSU emva kokudityaniswa kweUnitra, Border Technikon neEastern Cape Technikon.

UGqirha Ncumisa Jilata, otyathe ityali, ekunye nogxa wakhe UMFANEKISO: FACEBOOK/ WSU

Phakathi kweendwalutho ebezizimasile kuquka uMongameli weUDM uBantu Holomisa, uMphathiswa wephondo kwezeMpilo uNomakhosazana Meth kwanobesakuba yingqonyela yaseWSU uNjingalwazi Khaya Mfenyana.

USongca uthi banobudlelwane obuluqilima neSebe lezeMpilo laseMpuma Koloni, kwaye ngenxa yobu budlelwane baqinisekisa ngokuba iinkonzo ezisiwa eluntwini zizinzile, zinomakulinganwe futhi ziyafikeleleka.

“Sisebenzisana norhulumente ukuqinisekisa ukuba iNelson Mandela Academic Hospital eMthatha iliziko eligqwesileyo kunyango loluntu olukwinqanaba eliphezulu,” kutsho uSongca.

“Ndingathanda ukwabelana nani imfihlo encinane. NjengeWSU sisungule intsebenziswano namaziko ohlukeneyo emfundo enomsila, apha elizweni kwanakwihlabathi jikelele. Umzekelo sisungule intsebenziswano neYunivesithi yaseMntla Ntshona (NWU) kwaye sele senze igxathu kwisigaba sethu sokuqala sokuyila ichiza lokugonyela iCovid-19,” utshilo uSongca.

Advocate Tembeka Ngcukaitobi UMFANEKISO: FACEBOOK/ WSU

USongca uthi kweli linge lokuyila ichiza logonyo lweCovid-19, basebenzisana neSefako Makgatho Health Sciences University, iqela laseKenya, eSenegal, eSlovenia naseJamani. “Bonke bachulumancile ukuba yinxalenye neli nyathelo,” utshilo uSongca.

UTembeka Ngcukaitobi, uMongameli weqela labakhimkhanyo labafundi ababesaya kufunda kule yunivesithi, uthi isigqeba sabo ayisosigqeba samisitho nje, koko bakwisizikithi sezolawulo.

“Sizama ukwakha imanyano yokujongana nolawulo lweyunivesithi. Icandelo lethu lezobugqirha livelise oogqirha abazenzele igama kwiindawo ngeendawo,” kutsho uNgcukaitobi.

Eli gqwetha lithi unyaka ka2021 ngunyaka obalulekileyo kwicandelo lezobugqirha kule yunivesithi.

“Eli candelo liza kujongana nombandela wokuphicothwa kobume baso ukuze linikwe iimpephamvume (accreditation) zokuqhubeka nokufundisa. Abaninzi banolwazi ngeendawo eziyekeyeke kweli candelo. Ngelishwa obu buyekeyeke bukhomba kwisikhokelo seyunivesithi.

“Siyanimema nonke (boogqirha ababefunda eWSU) ukuba nidlale indima ukuze siphunyezwe kwakhona isiqinisekiso sezifundo zobugqirha. Ukuphunyezwa kwesiqinisekiso yenye into, ukuthembeka kwesiqinisekiso yenye into. Kukhe kwakho izehlo zabantu ababhatala (abanyoba) ngemali ukuze bangene kwicandelo lezobugqirha (eWSU),” utshilo uNgcukaitobi.

UGqirha Mthembeni Tebelele noMphathiswa uNomakhosazana Meth UMFANEKISO: FACEBOOK/ WSU

Ukanti iWSU ibethe inqindi phantsi isithi isiqinisekiso sokugunyaziswa kwecandelo lezobugqirha siza kuphunyezwa kuba zonke iinkalo ebekukhalwa ngazo malunga nesi sikolo sele bezivelele.