Inyathi ibuzwa kwabaphambili eNyanga

Abafundi baseNyanga High kumagumbi okufundela kule veki UMFANEKISO: FACEBOOK

LIBALI lezikolo ezibini ezikwiilali zephondo leMpuma Koloni, esinye sele kukudala sikulungele ukufundisa abantwana logama esinye singakulungelanga ngenxa yomgangatho wamagumbi.

I’solezwe lesiXhosa ligqibe kwelokwenza uthelekiso phakathi kwesikolo iNyanga High eNgcobo kwanoMntla Primary yakuKhothane eNgqamakhwe.

Kule veki bekufanele ukuba uGrade 7 noGrade 12 bayavula, kodwa ngenxa yeengxaki ezifana nokungabikho kwezikhuseli zentsholongwane yeKhorona kwezinye izikolo, uMphathiswa weMfundo esiSiseko, uAngie Motshekga, ugqibe kwelokuba akuhlehlisele uMvulo womhla wesibhozo ukuvula kukaGrade 7 noGrade 12.

Yona iNyanga High ivulile kuba kudala izithengele ngemali yayo izikhuseli nezicoci, logama yona iMntla Primary ingavulanga ngenxa yeengxaki zezakhiwo kwanokufika emva kwexesha kwezikhuseli nezicoci.

Usekela-sihlalo webhodi elawula isikolo yaseNyanga, uMkhuseli Sikunana, uthi into enceda iNyanga kukuba inenqununu “enombono” ze iphinde ibenebhodi yolawulo “enombono”.

“Ngeli xesha kuvaliwe abantwana baseNyanga bebefunda bekumakhaya wabo, ingakumbi uGrade 12. Bebehlohlwa ngedata. Isikolo sethu siphinde sibe nentlahla yootitshala abakhutheleyo,” kutsho uSikunana.

USikunana uthi bathe bakuqonda ukuba izixhobo zikarhulumente zokucoca azikafiki, bathatha kwinxili yesikolo. “Sithathe kula mali ibiza kuchithwa sisikolo ukuya emidlalweni, sathenga izixhobo zokucoca nezokukhusela abantwana nootitshala kule ntsholongwane,” utshilo uSikunana.

Kodwa xa ujonga eMntla Primary ufumana ibali elohlukileyo. EMntla abantwana bathi boyika ingqele nanjengoko isikolo sabo sifana nokuba umntu “uphandle ngoku engaphakathi”.

Umfundi kaGrade 7 waseMntla Primary oncokolele I’solezwe uthe: “Sityiwa yingqele ebusika. Ekhaya kuye kuthiwe masingayi kwiintsuku ezibandayo ngenxa yengqele.”

IMntla yayakhiwe ngeekhalibhodi kwisithuba esingaphaya kweminyaka engamashumi amabini eyadlulayo.

“Oko kwakusithiwa siyakhiwa, nathi kudala siquqa kooBhisho nakwisithili saseGcuwa ngaphandle kwempumelelo. Imbi imeko yesa sikolo kuba kukho abantwana abaxhomekeke kuso kuphela. Inene asiyazi ukuba siyakuze sithi sakhiwe kwenzeke ntoni,” utshilo uNolwando Daniso, ongunobhala webhodi yolawulo lwesikolo saseMntla Primary.

Kusenjalo, uMotshekga uthi ngokwezicwangciso, uGrade 7 noGrade 12 bayavula ngoMvulo. “Umzali ogqibe kwelokuba angamsi umntwana wakhe esikolweni, makafake isicelo kwiNtloko yeSebe lezeMfundo ePhondweni,” utshilo uMotshekga.