Inyukile imali yokuthutha abantwana besikolo eMpuma Koloni

Isonjululwe intsuma-ntsumane ebiphakathi kwabanikazi beteksi ezithutha abantwana eMpuma Koloni kunye nesebe lezothutho emva kokungenelela kwenkulumbuso uPhumulo Masualle.

Ingxaki zokungavisisani phakathi kwesebe lezothutho kunye nabanikazi beeteksi ezithutha abantwana besele kubangele ukuba bangathathwa abantwana ngenxa yokunganeliseki kwabanikazi bezinqwelo mafutha.

Iteksi ezithutha abantwana besikolo koomasipala abaquka iMbashe, Mnquma naseNelson Mandela Bay zikhe zanqumama emva kokungoneliseki kubanikazi beeteksi.

Usihlalo weSouth African National Taxi Association eMpuma Koloni uNoluntu Mahashe, ucacisa izizathu ezibangele ukungavani phakathi kwabo nesebe lezothutho.

“Ukusukela ngonyaka ka2006, imali esiyihlawulwa ngurhulumente oko imi endaweni enye ingenyuki nangona ixabiso lamafutha linyuka yonke imihla, unxibelelwano olungekhoyo olubangela ukuba singabinalwazi xa imali izakungena naxa ingazi kungena, zonke ezo zinto sizisombulule,” uthethe watsho uMahashe.

Uhambisa athi imali yokuthutha abantwana inyuke ngeepesenti ezintandathu emva kokuxoxa banzi nenkulumbuso uMasualle kunye nomphathiswa wesebe lezothutho uWeziwe Tikana.

“Umntwana omnye obefumana imali elishumi elinesihlanu leerandi, logama thina besihlawulwa imali ekwishumi elinesithathu leerandi kuphela, ukunyuka kwale mali ngeepesenti ezintandathu ngumahluko omhle lowo,” utshilo.

Ingxelo yesebe lezothutho ithi injongo yoku kukuqinisekisa imeko yokufunda nokufundisa ezinzileyo eMpuma Koloni.

Othethe egameni le-ofisi yenkulumbuso uSonwabo Mbananga, uthi inkulumbuso ingenelele emva kokuqaphela umonakalo onokwenzeka.